1. Umbhiyozo woSuku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela owaqaliswa yi-UNESCO wenziwa nge-23 Apreli minyaka le, ekungumhla wokuzalwa kukaWilliam Shakespeare.
2. Umbhiyozo woSuku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela ubonisa ukubaluleka kokufunda ubomi bonke bokuphila komntu, ukukhula kwengqondo nokuphila qete ngokwasengqondweni nangokwengqiqo komntu. Ziyakhuthazwa izikolo ukuba ziphakamise ukuxabiseka kokufunda ngokuthi zithathe inxaxheba ngolangazelelo olukhulu kwimisebenzi yokufunda esekelwe kolu Suku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela.
3. Okuqhotyoshelwe apha luluhlu lweengcebiso oluqulunqwe ngabasebenzi bakwa-EDULIS (WCED Education Library and Information Services) lwezinto ezingenziwa zizikolo ukuqaphela olu Suku lweeNcwadi lweHlabathi liphela ngendlela enenzuzo neyonwabisayo.
4. Ukubonisa ngokucacileyo umoya wolangazelelo woSuku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela sikhuthaza zonke izikolo ukuba zityelele okanye ziqhagamshelane naba bantu balandelayo ngenjongo yokucela ukubolekwa iqela leencwadi zokusetyenziswa ngolu Suku lweeNcwadi kwiHlabathi liphela:

Susan HanekomEDULIS Library, Middestad Mall, Bellvilleifoni 021 957 9617
Cheryl JosephMetro East Resource Centre/EDULIS Branch Library,
Kuils River
ifoni 021900 5111
Ntombi MngxumaMetro South: Brian O’Connell Resource Centre,
Mitchell's Plain
ifoni 021 370 2084
Ina HeibergWest Coast Resource Centre, Paarlifoni 021 860 1229
Sam WebberEden & Karoo Resource Centre, Georgeifoni 044 803 8328
Janine OntongCape Winelands Resource Centre, Worcesterifoni 023 348 4657


ISAYINWE: NGU-MJ CHILES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:04:18

apha luluhlu lweengcebiso oluqulunqwe  (ubukhulu: 126 KB)