Kwiminyaka edlulileyo i-WCED yaqalisa ngenyathelo lokuqala kumanyathelo ayo okusebenzisa iWebhu, elabandakanya i-WCED Online ne-Curriculum Development Website. Njengoko unyaka ka-2008 ingunyaka wokuqala apho ikharityhulam ehlaziyiweyo yeBakala 12 iza kuviwa ngaphandle, i-WCED inika ootitshala ezinye izinto abanokuzisebenzisa zokuxhasa ootitshala kwimfundo eyenziwa ngekhompyutha. Le ngcaciso imfutshane ijolise ekunikeni ingcaciso ngala manyathelo kunye nokukukhumbuza ngezinye zezixhobo zemfundo eyenziwa ngekhompyutha neenkonzo ezinikwa yi-WCED neSebe leMfundo likazwelonke.

1. Izintlu zabantu abanokuthunyelelwa iposi nge-imeyili (mailing lists)

Kwenziwe izintlu zabantu abanokuthunyelelwa iposi nge-imeyili (mailing lists) ukulungiselela isifundo ngasinye seNCS. Ezi zintlu zabantu abakuluhlu olunokuthunyelelwa iposi ziya kwenza ootitshala bakwazi ukuba kwisifundo ngasinye se-FET banxibelelane nabanye beliqela lootitshala elifundisa eso sifundo sithile ngenjongo yokuxoxa babelane ngezimvo, ngamaphepha emibuzo nangamaxwebhu, babuze imibuzo kwaye iphendulwe imibuzo yabo, nokuxoxa-bephikisana ngemiba ethile. Zonke izintlu zabantu abanokuthunyelelwa iposi “zizintlu ezingafikelelwa nangubani” (“closed lists”), into ethetha ukuba kuphela ngamalungu akuluhlu anokuthumela imiyalezo kwizintlu, kuze ngokwenjenjalo kunciphiseke iposi engafanelekanga (spam) nezinye izinto ezingafunekiyo.

Ukuze ubhalise kuluhlu lwabanokuthunyelelwa iposi kwizifundo ezithile, uyacelwa ulandele le miyalelo:

  • Vula i-Internet browser.
  • Faka le dilesi ilandelayo (URL):  http://www.wcape.school.za/mailman/listinfo
  • Khetha isifundo osifunayo ngokuklikha kwisihloko sesifundo kwikholam esekhohlo.
  • Faka idilesi yakho ye-imeyili negama (umz. Joe Bloggs) kwisithuba esinikiweyo. Ungafaki iphasiwedi (password), njengoko oko kungeyomfuneko. Klikha u- “Subscribe”.
  • Emva kwethutyana nje umele ukufumana impendulo ye-imeyili echaza ukuba umphathi woluhlu lweso sifundo uya kusiqwalasela isicelo sakho.
  • Kungagqithanga suku okanye ngeentsukwana nje umele ukufumana umyalezo we-imeyili wokukwamkela kuluhlu lwabanokuthunyelelwa iposi besifundo eso nokunika ithuba lokuthatha inxaxheba kwiingxoxo eziqhubekayo. Umyalezo wokukwamkela uya kuba nengcaciso engokuba uyithumela njani imiyalezo kuluhlu.
Ukuba akunayo idilesi ye-imeyili eyeyakho, kucelwa uthethe nomlawuli wezonxibelelwano ngekhompyutha (network administrator) esikolweni sakho, oya kuba nako ukukunika idilesi ye-imeyili. Kucelwa uqiniseke ngokulandela imigaqo-nkqubo ye-imeyili ekhoyo esikolweni sakho.

2. Ii-blog

Kukho into entsha nenika umdla omkhulu eqhubekayo ngoku kwiwebhu ekunika ithuba loqhagamshelwano nabantu (social networking space), ekukusetyenziswa kwee-blog (ii-web logs). Ii-blogs zinika amathuba okukuxoxa kuboniswane ngeekhomenti, ngezimvo okanye ngeendaba kwisifundo esithile. I-blog idla ngokudibanisa iteksti, imifanekiso, iyiqhagamshelanise nezinye ii-blog, ii-web pages, kunye nezinye iimidiya (other media) ezinxulumene nesihloko eso kuxoxwa ngaso. Oku kuvumela umlesi enze iikhomenti ngendlela yokuxoxisana nabanye, oku okuyenye yezinto ezibaluleke ngayo ii-blog ezininzi. Uninzi lwee-blog ziziiteksti, nangona ezinye zigxininisa kubugcisa, iifoto, iividiyo, umculo nesidlali-sandi (audio) (podcasting) njengenye yendlela yoqhagamshelwano ngokubanzi nabantu abaninzi.

Ukongeza kwii-blog eziziintlobo ngeentlobo ezikhoyo kwiZiko leWebhu leCandelo leKharityhulam, uyacelwa kwakhona ukuba uze ufake igalelo kwezi blog zilandelayo ezisandula kuqaliswa:

3. IZiko leWebhu leCandelo leKharityhulam

IZiko leWebhu leCandelo leKharityhulam linengcaciso eninzi kwisifundo ngasinye nakwinkalo yesifundo nganye. Le ngcaciso ibandakanya ezi zinto zilandelayo:

  • Imiba yovavanyo
  • Amaphepha angumzekelo kumaBakala 11 ne-12
  • Imigaqo-nkqubo, iisetyhula namaxwebhu asisikhokelo esifundo okanye eenkalo zezifundo
  • Iiforam zengxoxo
  • Iinkcukacha zoqhagamshelwano zabalawuli bekharityhulam, abacwangcisi nabacebisi ngezekharityhulam
Iincwadi ezintsha nezinto ezithengwa ngekhompyutha (electronic purchases) ezifumaneka kwa-EDULIS zifakiwe nazo kuluhlu lweZiko leWebhu leCandelo leKharityhulam. Ezi zinto zingafumaneka ngokungena ngenkalo yesifundo efanelekileyo nakumazikwana ezifundo (subject sub-sites). Ukufumana ingcaciso engaphezulu, vula ibrawuza yakho apha  http://curriculum.pgwc.gov.za/  uze emva koko ukhethe isifundo okanye inkalo yesifundo oyifunayo kwibha esecaleni. Ungafumana qho kwakhona izinto zamvanje ngokuhla uye emazantsi ephepha lokuqala lewebhu uze ubhalise khona.

4. IZiko leWebhu le-EduMedia

I-EduMedia, eyiyunithi ejongene nophuhliso lwemidiya ye-WCED, ivelisa ize isasaze izinto zokufunda ezifumaneka kwikhompyutha ezibandakanya amacandelo omabini, ele-GET nele-FET.

Iinkonzo ze-EduMedia zingafumaneka apha  http://edumedia.wcape.school.za/  apho kufuneka uqaphele ezi zinto zilandelayo:

  • Izinto ezintsha ezifakiweyo kwizinto abazivelisayo
  • Ikhathalogu yezinto abazivelisayo nendawo onozikuthenga kuyo ngokusebenzisa ikhompyutha
  • Ilayibrari yezinto zokufunda ezifumaneka kwi-Intanethi
I-CD enesethi epheleleyo yamaphepha emibuzo angumzekelo eBakala 12 ingafumaneka nayo kwa-EduMedia. Kucelwa uqhagamshelane no-EduMedia ngale nombolo yefoni 021 689 9536 okanye ngale dilesi ye-imeyili edumedia@pgwc.gov.za ukufumana ingcaciso engaphezulu ngalo vimba ubaluleke kangaka.

5. Iziko lewebhu lika-EDULIS

U-EDULIS (INkonzo yeeLayibrari zeMfundo neNgcaciso ye-WCED) (WCED’s Education Library and Information Service) uqinisekisa ukuba ootitshala be-WCED bayakwazi ukufikelela kwizinto zokufunda ngezolawulo, ngezophando nangezinxulumene nekharityhulam ukwenzela ukunika inkxaso efanelekileyo ukufunda nokufundisa okunempumelelo. Ukwaququzelela aze axhase imisebenzi eyenziwa ngabacebisi beelayibrari zezikolo nangamaziko ezinto zokufunda ka-EDULIS akwii-ofisi zezithili, ekwanika ingcebiso noncedo ezikolweni ngokuthengwa kwezinto zokufunda zaselayibrari, ezinjengeencwadi, iiphowusta, ii-DVD, ii-CD ne-multimedia.

Jonga apha  http://curriculum.pgwc.gov.za/site/118  ukufumana ingcaciso engaphezulu ngeenkonzo nezinto zokufunda ezifumaneka kwikhompyutha u-EDULIS azinika ootitshala. Ukufumana ingcaciso engaphezulu ngokufikelela kwi-full-text articles, qhagamshelana no-EDULIS ngale nombolo yefoni 021 957 9618, okanye ngale dilesi ye-imeyili edulis@pgwc.gov.za

U-EDUPALS yi-software yezolawulo lweelayibrari esetyenziselwa ukufikelela ngekhompyutha kwizinto zokufunda zaselayibrari kwelona ziko likhulu leencwadi lakwa-EDULIS eBellville, nakumaziko ezinto zokufunda ezithili akwa-EDULIS. Amalungu ezi layibrari anako ukusebenzisa i-WEBPALS, ethe zava emakhaya, esezidesikeni zawo okanye esezikolweni zawo, njengesixhobo sokujonga ii-book reviews, acebise ngezinto emazithengwe ngu-EDULIS nokufuna kwi-network ye-PALS iyonke ukuze afumane izinto zokufunda zaselayibrari anganqwenela ukwenza izicelo zemboleko zazo. Kucelwa ukhangele apha  http://eduweb.pals.gov.za  ukufumana ingcaciso engaphezulu ngezi nkonzo nokufikelela kwiziko ledatha lesistim yelayibrari i-PALS.

6. IPhothali yeMfundo kaZwelonke (National Education Portal)

ISebe leMfundo likazwelonke liye kutshanje laphehlelela ngokutsha iThutong, eyiphothali yemfundo kazwelonke. Le phothali ikwanika iindidi zeenkonzo ukuxhasa ukufunda nokufundisa. I-URL ngu-  http://www.thutong.org.za .



ISAYINWE: NGU-MJ CHILES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:04:18