1. ISebe lezobuGcisa neNkcubeko (Department of Arts and Culture), ngokubambisana noMbutho waseMzantsi Afrika weeLayibrari neNgcaciso (Library and Information Association of South Africa (LIASA)), libhengeze iveki eqalela kwi-17 ukuya kwi-22 Matshi 2008 ukuba yiVeki yeeLayibrari zaseMzantsi Afrika. Ngale veki uMzantsi Afrika uza kuvuyela kwaye ukhuthaze iinkonzo zeelayibrari nengcaciso kusetyenziswa lo mxholo: From Local to Global @ Your Library
2. Ngenxa yokuba isiya ibaluleka ngakumbi nangakumbi indima edlalwa ziincwadi nezinto zokuxhasa ukufunda nokufundisa (learning and teaching support material (LTSM)) ekufundiseni nasekufundeni kwimfundo ejolise kwiziphumo (outcomes-based), kumelwe ootitshala bazi ngokufumaneka kwezibonelelo ezikwiilayibrari ukulungiselela le njongo. Njengenxalenye yombhiyozo weVeki yeeLayibrari zaseMzantsi Afrika 2008 nokukhuthazwa kweenkonzo zeelayibrari nengcaciso zeSebe leMfundo leNtshona Koloni, wena nootitshala bakho ngoko ke niyacelwa ukuba nenze amalungiselelo otyelelo kwiLayibrari yakwa-EDULIS okanye kumaZiko athile angooVimba beeNcwadi nezinto zokufunda ukuya kuqhelaniswa nokwaziswa ngezi nkonzo kwanezibonelelo ezikhoyo zohlobo olulodwa ezikwiilayibrari. Utyelelo lwamaqela abantu malungapheleli kuphela kweli thuba lisusela kwi- 17 kuye kwi-22 Matshi, koko lungalungiselelwa ukuba lulungele wena nootitshala bakho.
3. AmaZiko angooVimba beeNcwadi nezinto zokufunda (Resource Centre Collections) eMitchells Plain, Paarl, George, Worcester naseKuils River zinale LTSM ilandelayo ekhoyo ukuba ibolekwe ngulowo nalowo titshala, okanye kubolekwe iqela leencwadi zizikolo:
  • Iincwadi ezikhuthaza iingcinga zokwenza imisebenzi yezicwangciso zezifundo (inspiring activity-based ideas for lesson plans), nezokuphuhlisa ulwazi lokufunda nokubhala kunye nolokubala (literacy and numeracy development), (ezininzi kuzo kungenziwa iifotokopi)
  • Iintlobo ngeentlobo zezinto zokufunda zokuxhasa ikharityhulam
  • Iincwadi ezininzi ezisandula kupapashwa ezingolawulo nobunkokeli
  • Iincwadi ezihlupheza ingqondo zokuxhasa uphando ngemiba yezemfundo nokuveliswa kwemigaqo-nkqubo
  • Izinto zokufunda ezingemibandela ebaluleke gqitha ekhoyo ngoku, umz. ulwazi lokufunda nokubhala kunye nolokubala, imfundo ebandakanya bonke abafundi (inclusion), ululeko neengxaki zokuziphatha (discipline and behaviour problems), ukulungiselela abo baneemfuno ezizodwa zemfundo (differentiation), iHIV/AIDS, nokuchatshazelwa kweemveku ezingekazalwa butywala (foetal alcohol syndrome)
  • Izinto zokufunda ezijolise kubafundi (kubandakanywa iincwadi zemifanekiso neenoveli zabafundi bazo zonke izigaba zobudala abangazisebenzisa ngamathuba okufunda (reading periods), eziye zajongisiswa ziingcali ukunceda ootitshala ekukhetheni iincwadi zeelayibrari zezikolo
  • Iividiyo, iiDVD, iiodiyokhasethi, iiCD, iiCD-ROM nezixhobo zemidiya ezintlobo ngeentlobo (multimedia) ezifikelela kwintlaninge yezihloko ukuqhamisa nokuxhasa ukufundisa nokufunda eklasini (topics to enrich and support classroom teaching and learning).
4. Ngokumalunga noku kulapha ngasentla ungaqhagamshelana naba nolayibrari balandelayo:
Susan Hanekom  EDULIS Library, Middestad Mall, 
               Bellville                             021 957 9617

Cheryl Joseph  Metro East Resource Centre/EDULIS         
               Branch Library, Kuils River           021 900 5111

Ntombi Mngxuma Metro South: Brian O'Connell  
               Resource Centre, Mitchells Plain      021 370 2084

Ina Heiberg    West Coast Resource Centre, Paarl     021 860 1229

Sam Webber     Eden & Karoo Resource Centre, George  044 803 8328

Janine Ontong  Cape Winelands Resource Centre, 
               Worcester                             023 348 4657
5. Ngenxa yokungabikho kweziko elinguvimba weencwadi nezinto zokufunda elisebenza kakuhle kwi-Ofisi yeSithili iMetropole Central kunye nokuphendula intlaninge yezicelo ezivela kootitshala bezikolo ezikwesi sithili, kuthathwe isigqibo sokuseka iNdawo yokuKhupha nokuBuyisa iiNcwadi (Collection Point) kwa-EDUMEDIA e-Mowbray ukulungiselela izikolo eziboleka iqela leencwadi (block loans) kwiLayibrari u-EDULIS. Eli nyathelo lethutyana liya kusebenza de kube kusekwe iziko elinguvimba weencwadi nezinto zokufunda kwi-Ofisi yeSithili iMetropole Central.


ISAYINWE: NGU-S.M. NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:003:05