1. Kulindelwe izicelo kootitshala abanqwenela ukumakisha amaphepha eeMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ngoNovemba 2008. Amaphepha ezifundo eziza kumakishwa akolu luhlu luqhotyoshelweyo.
2. Iikhrayitheriya zokuqeshwa kwabamakishi

2.1 Abenzi-zicelo mababe namabanga emfundo eyaziwayo engaphaya kweMatriki yeminyaka emithathu yoqeqesho nebandakanya isifundo esichaphazelekayo kwinqanaba lesibini okanye elesithathu, okanye amabanga emfundo afanelekileyo angaphaya kweMatriki kweso sifundo.
2.2 Ootitshala mababe banamava onyaka omnye ubuncincne okufundisa eso sifundo sichaphazelekayo kwinqanaba leBakala 12. Kukwafuneka nokuba babe bakhe basifundisa eso sifundo kwithuba elingangonyaka omnye ubuncinane, kule minyaka ilandelayo: 2006, 2007, 2008. Kodwa kuya kuqala kukhethwe ootitshala abafundisa njengangoku i-NCS kubaviwa beBakala 12.
2.3 Bonke abenzi-zicelo mababesenkonzweni kumaziko emfundo alungiselela abaviwa iiMviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke eNtshona Koloni.
2.4 Ukuqinisekisa ukuba ukusebenza ngokukuko kweziko akumiswa kakubi kukungabikho kootitshala, apho kunokwenzeka, mabangabi ngaphezu kwe-30% ootitshala kwiziko ngalinye abaya kuqeshwa njengabamakishi. Iinqununu kufuneka zikuthathele ingqalelo oku xa ziqwalasela izicelo zokumakisha.
2.5 Isigqibo sokugqibela malunga nokuba ngabaphi na ootiitshala abangaqeshwayo bamakishe, sithathwa liSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED).
2.6 Abenzi-zicelo abafuna ukumakisha iPhepha 2 kwiiLwimi (Languages) mababe bayazazi kwaye bazifundisisile zonke iincwadi ezimiselwe ukufundwa ukulungiselela uviwo kwaye mabangapheleli nje kuphela kwiincwadi ezifundwa ngabaviwa babo kwizikolo ngezikolo zabo.
2.7 Kucelwa iinqununu/abaphathi bamaziko emfundo yabadala ukuba bancede bakhuthaze ootitshala babo abafundisa ezi zifundo History, Mathematics, and Mathematical Literacy ukuba bafake izicelo zokumakisha, njengoko minyaka le isebe litsala nzima ukufumana abenzi-sicelo abafanelekileyo.
2.8 Ukuqeshwa kootitshala abamakishayo kuya kungqinelana nesiCwangciso soBulungisa kwezeNgqesho (WCED's Employment Equity Plan) seSebe iWCED, ngako oko ke kunyanzeleke ukuba abenzi-zicelo bachaze uhlanga nesini sabo kwifom yokwenza isicelo.
2.9 Akukho titshala oya kuqeshwa amakishe kuviwo lweMatriki ukuba ungozuze ireyithi yokupasa kwabafundi kwizifundo engaphantsi kwe-50% (subject pass rate of less than 50%) kuviwo lweMatriki lonyaka ongaphambili.
2.10 Abenzi-sicelo abasele bazisile ukuba bajonge ukurhoxa okanye ukuthatha umhlala-phantsi kwaye baya kuyiphelisa inkonzo yabo neSebe iWCED ungadlulanga owe-30 Septemba 2008, abayi kuqwalaselwa ukuba baqeshwe njengabamakishi, ngaphandle kwalapho utitshala ochaphazelekayo aya kuba ngutitshala kwisikolo esizimeleyo esibhala uviwo lweSebe leMfundo leNtshona Koloni.
2.11 Akukho titshala usekhefini lokugula ngexesha lokumakisha uya kuqeshwa ukuba amakishe kwiimviwo zeMatriki.
2.12 Umenzi-sicelo makazalise ifom yokwenza isicelo eyahlukileyo ngephepha loviwo ngalinye afaka isicelo kulo.
2.13 Bonke abenzi-sicelo abatsha mabaqhoboshele ikopi eqinisekisiweyo yesatifikethi sawona mabanga emfundo aphezulu aphunyelelweyo okanye irekhodi ebubungqina bezifundo zakhe, ebonisa ukuba zeziphi na izifundo ezafundwa ngumenzi-sicelo waza wazipasa. Zonke izicelo ezitsha ezingahambi nezi kopi zamabanga emfundo ziqinisekisiweyo aziyi kuqwalaselwa. Akukho namnye umntu oya kwaphulelwa kwezi meko yaye kungayi kubakho mbalelwano eya kuqhutywa nabenzi-sicelo malunga nalo mba.
2.14 Iimodareyitha zangaphakathi zamaphepha eemviwo ezinenani elincinane labaviwa nezithi, ukongeza kumsebenzi wazo wokumodareyitha ngaphakathi amaphepha eemviwo, zinqwenele ukuqeshwa njengabamakishi, mazifake izicelo nazo ngolu hlobo lulapha ngentla.
2.15 Nakuba iSebe leMfundo likhetha ukuba iinqununu zibe sezikolweni zazo ekupheleni konyaka wezifundo, nazo iinqununu zingafaka izicelo zokuqeshwa njengabamakishi. Ukukhethwa kweenqununu njengabamakishi kuya kuxhomekeka, phakathi kwezinye izinto, kwezi meko zilandelayo:
  • Zonke izicelo ezivela kwiinqununu ziya kungeniswa kubalawuli bezithili ukuze bazivume.
  • Eyona nto ephambili eya kujongwa iya kuba kukuba ingaba isikolo eso siya kubanako na ukusebenza ngempumelelo ngethuba lokumakisha xa ingekho inqununu.
  • Makwenziwe amalungiselelo afanelekileyo okuba omnye wootitshala asebenze njengenqununu ngethuba lokungabikho kwenqununu. Ukunikezela kwenqununu komsebenzi wayo makubhalwe phantsi.
  • Isikolo masibenako ukusebenza ngaphandle kobukho benqununu, nokuba inkqubo yokupasa kwabafundi besikolo (school's learner promotion process) mayingaphazanyiswa kukungabikho kwenqununu.

3. Inkqubo yokwenza isicelo

3.1 Izicelo mazithunyelwe kule dilesi ilandelayo:
Head: Education
Directorate: Examinations 
Western Cape Education Department 
Grand Central Towers
Lower Parliament Street
CAPE TOWN
8001

Iikopi zefom yesicelo emiselweyo neqhotyoshelweyo apha zikwafumaneka kwakule dilesi ingentla, okanye kwiziko lewebhu leWCED apha : http://wced.wcape.gov.za/circulars

3.2 Zonke iifom zezicelo mazithunyelwe ngeposi ebhaliswayo (registered mail) into ethetha ukuba iirisithi ezikhutshwe liziko leposi mazigcinwe njengobungqina bokuposiweyo. Nakuba kunjalo, izicelo zingaziswa ngesandla kwiCandelo leeMviwo, kwa-4th Floor eGrand Central Towers, apho iirisithi zazo zonke izicelo ezifumanekileyo ziya kukhutshwa khona.

Iifom zezicelo mazifike kwiCandelo leeMviwo (Directorate: Examinations) ungadlulanga umhla we-25 Apreli 2008, ngo-16:00. Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko iifom zezicelo zithunyelwe ngqo kubavavanyi. Izicelo ezifunyenwe emva komhla wokuvala aziyi kuqwalaselwa. Luphezu kwamagxa abenzi-sicelo uxanduva lokuqinisekisa ukuba ifom ezaliswe ngokupheleleyo ifika kule ofisi phambi okanye ngomhla wokuvala.

3.3 Yonke imibuzo, nokuba ngaba yeyefoni okanye yebhaliweyo, mayithunyelwe ngqo kwiCandelo leeMviwo, ingathunyelwa kubavavanyi ngqo. Qhagamshelana nelinye lala magosa:
Mnu Mark Cameron,
ifoni: 021 467 2964,
i-imeyili mgcamero@pgwc.gov.za
Mnu N Riddles,
ifoni: 021 467 2992,
i-imeyili nriddles@pgwc.gov.za
Nksk NM Janda
ifoni: 021 467 2009,
i-imeyili njanda@pgwc.gov.za
3.4 Ukuvunywa kwezicelo

Iifom zezicelo ezizaliswe ngokupheleleyo ezivela kootitshala mazisayinwe yinqununu okanye ngumphathi weziko. Kucelwa iinqununu/abaphathi bamaziko ukuba bancede bakungqine ukuchaneka kweenkcukacha zomenzi-sicelo phambi kokusayina ifom/iifom zomenzi-sicelo.

Iifom zezicelo ezizaliswe ngokupheleleyo ezivela kubacebisi ngezekharityhulam abaziintloko, kwiinqununu kunye nakubaphathi bamaziko kufuneka zisayinwe ngumlawuli wesithili.

Iifom zezicelo ezizaliswe ngokupheleleyo ezivela kubacebisi ngezekharityhulam kufuneka zisayinwe ngumlawuli okanye ngumcebisi ngezekharityhulam oyintloko wesithili.

Iifom zezicelo ezizaliswe ngokupheleleyo ezivela kubacwangcisi bekharityhulam abakhulu kufuneka zisayinwe nguMlawuli weCandelo leKharityhulam ye-FET.

3.5 Izicelo ezingasayinwanga yiNtloko yomenzi-sicelo aziyi kuqwalaselwa.
3.6 Mabancede abenzi-sicelo bachaze uhlobo lokutya abalukhethayo kwifom yabo yokwenza isicelo. Makuqatshelwe ukuba iSebe alinako ukuvumela naluphi na utshintsho lohlobo lokutya olukhethiweyo ngethuba lokumakisha.

4. Amalungiselelo ethuba lokumakisha

4.1 Ukumakisha konke kuya kwenzelwa kwindawo esembindini okanye kufuphi neKapa, njengoko kunokumiselwa liSebe iWCED.
4.2 Imihla yethuba lokumakisha iya kuqinisekiswa kamva. Abamakishi mabaqinisekise ukuba bayigqibile yonke imisebenzi yabo yokumakisha kunye neyezolawulo ezikolweni zabo phambi kokuba kuqalwe ukumakishwa.
4.3 Abamakishi kulindeleke ukuba bamakishe amaphepha ubuncinane iiyure ezisibhozo (8) ngosuku. Oku akudibanisi amaxesha abekelwe ukutya nawokuphunga. Iziko lokumakishela liya kuvulelwa ukumakisha ukususela ngo-06:00 ukuya ku:22:00 mihla le.
4.4 Intlawulo yokumakisha iphepha ngalinye iza kufumaneka kwakamsinya yakuba ifumanekile kwiSebe leMfundo likazwelonke. Imodareyitha nganye, umvavanyi nomakishayo ngokunjalo, baya kutsalelwa irhafu ngokungqinelana noMthetho weRhafu yeNgeniso (Income Tax Act).
4.5 Kunyanzelekile ukuba iinqununu, abalawuli bezithili, abaphathi beesekethe nabacebisi ngezekharityhulam bakwazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala, kubandakanywa nabo basekhefini. Eli Candelo leeMviwo aliyi kwamkela zigxeko ngokungaxelelwa kootitshala ngokuqulethwe yile ngcaciso imfutshane yeCandelo leeMviwo.

5. Njengoko ukumakishwa kwamaphepha oviwo lweMatriki kuyinto engamava axabiseke kakhulu nayinzuzo kootitshala, iSebe iWCED linenjongo yokuqinisekisa ukuba amagqiza amakishayo abandakanye abamakishi abatsha qho ngonyaka. Ubulungisa kwezengqesho kukwayinto ebaluleke kakhulu nemayiqwalaselwe. Ngako oko ke bonke ootitshala abafanelekileyo ukuba bamakishe bayakhuthazwa kakhulu ukuba bafake izicelo. Iinqununu nabacebisi ngezekharityhulam bayacelwa ukuba bakhuthaze ootitshala abanolwazi ukuba bafake izicelo.
6. Bonke abamakishi abatsha baya kungenela uqeqesho lokumakisha ngaphambi kokuba kuqale iseshoni yokumakisha.
7. Iinqununu mazivume ukuba ziyifumene le ngcaciso imfutshane yeCandelo leeMviwo kwifom eqhotyoshelweyo, nemayifike kule ofisi ungadlulanga owe-16 April 2008.


ISAYINWE: NGU-AP CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:03:19

List of subjects  (ubukhulu: 10 KB)
Application form  (ubukhulu: 39 KB)
Acknowledgement of receipt  (ubukhulu: 37 KB)