1. Kufakwe apha iishedyuli zamanqaku eziveliswe ngekhompyutha zovavanyo olwenzelwa kwiziko lemfundo ngenjongo yokuba zizaliswe ngabacebisi ngezekharityhulam ngokweenkalo zezifundo zabo.
2. Ngalunye uluhlu lwamanqaku lunekopi yentsusa (original copy) neekopi zekhabhoni ezintathu. Emva kokuba kugqitywe inkqubo yokumodareyitha kwaza kwafakwa namanqaku kwishedyuli yamanqaku eveliswe ngekhompyutha, mazisuswe iikopi zekhabhoni ezimbini ezingaphantsi. Enye yezi kopi yenzelwe iirekhodi zeziko elo ize enye ibe yeyeerekhodi ze-ofisi yesithili.
3. Kucelwa usebenzise uluhlu lokutshekisha (control list) oluqhotyoshelweyo ukujonga amaziko nokuqinisekisa ukuba zonke iishedyuli zamanqaku zingenisiwe kwiSebe leMfundo.
4. Qaphela ukuba abacebisi ngezekharityhulam banoxanduva
  • lokumodareyitha iimvavanyo ezenzelwa kwiziko kwiinkalo zezifundo zabo, kunye
  • nokungenisa iishedyuli zamanqaku kwiCandelo leeMviwo.
5. Makulandelwe le nkqubo ilandelayo xa kuzaliswa iishedyuli zamanqaku:

5.1 Amanqaku omviwa ngamnye makabhalwe kwikholam efanelekileyo kusetyenziswe amanani amathathu, umz. 013, hayi u-13.
5.2 Makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko angabhalwa amanqaku omfundi. Makanikwe amanqaku ngamnye umviwa onombolo yakhe yovavanyo ivelayo kwishedyuli yamanqaku. Oku makwenziwe nakubafundi
  • abenze sicelo sokutshintsha iziko,
  • ebebengekho ithuba elide apha enyakeni, nabo
  • bebengekho ngosuku lokumodareyitha.
5.3 Kwiimeko apho abaviwa bangenise iiphothifoliyo zoviwo olungaphambi kolu lwangoku, abaphathi bamaziko mabaqinisekise ukuba amanqaku eCASS afunyenweyo kwinkalo yesifundo abhalwa kolu luhlu lwamanqaku lwangoku.
5.4 Kuphela kukwiimeko apho kungekho manqaku omfundi akhoyo, makubhalwe u-999 (akakho) kuxwebhu lwamanqaku. Aba bafundi abayi kufumana ziphumo kwinkalo yesifundo leyo. Uziro (000) unikwa kuphela xa umviwa engenise umsebenzi angafanele kufumana manqaku ngawo.
5.5 U-"TOTAL" (Emazantsi oxwebhu lwamanqaku) ngowokusetyenziswa yi-ofisi kuphela.

6. Bayacelwa abacebisi ngezekharityhulam ukuba bancede baqinisekise ukuba iishedyuli zamanqaku ezizalisiweyo (ishedyuli yentsusa kunye nekopi yalo) zifika kweli candelo Directorate: Examinations, For attention: Messrs L. van Gensen / C. Slee, Western Cape Education Department, Room 529 (5th Floor), Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Cape Town, 8001 ungadlulanga uMvulo we-2 Juni 2008.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:03:25