1. Bayacelwa abaphathi bamaziko emfundo yabadala ukuba babhale kwifom etyheli, eqhotyoshelweyo (isiHlomelo A), amagama needilesi zabantu abafanelekileyo nabafunayo ukusebenza njengabagadi-baviwa abaziintloko nabagadi-baviwa abancedisayo kuvavanyo oluchazwe apha ngentla lwango-Juni 2008. Ifom ezaliswe ngokupheleleyo mayingeniswe kubaphathi beesekethe ukuze yamkelwe ingadlulanga i-30 April 2008. Uluhlu lokugqibela lwamagama malufike kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) engadlulanga uMvulo, we-5 Meyi 2008.
2. Ithayimthebhile yovavanyo luka-Juni 2008 lwe-Abet Level 4 iya kuthunyelwa kumaziko emfundo yabadala (ALCs) kwakamsinya.
3. Bayacelwa abaphathi beesekethe ukuba baqinisekise ngobungqina obunyanisekileyo beenkcukacha (bona fides) zomtyunjwa ngamnye, ingakumbi ngokumalunga nokwazi kwakhe ukufunda, ukubhala nokubona, kwakunye nemeko yempilo yakhe. Ngoko ke, kulindeleke ukuba abaphathi beesekethe benze udliwano-ndlebe nomntu ngamnye otyunjwe njengomgadi-baviwa oyintloko. Abatyunjwa abenze izicelo kwizithuba ezisisigxina kwezinye iindawo, kukhethwa ukuba bangaqwaselwa kwezi zithuba zengqesho.
4. Ngenxa yokuphunyezwa kwemithetho emitsha emalunga nokutshintshwa kweetshekhi zibe yimali, kufuneka abatyunjwa babenee-akhawunti zebhanki njengoko iintlawulo zabo njengabagadi-baviwa ziya kudipozithwa kwii-akhawunti zabo zebhanki ngekhompyutha.
5. UKUTYUNJWA KWABAGADI-BAVIWA ABAZIINTLOKO

IsiHlomelo B (ifom eluhlaza okwengca - Ukutyunjwa kwabagadi-baviwa abaziintloko) masizaliswe ngokupheleleyo size sisayinwe ngumphathi weziko ize ikopi igqithiswe ngoko nangoko kumntu otyunjwe njengomgadi-baviwa oyintloko. Le leta yokutyunjwa komgadi-baviwa oyintloko iqulethe imiyalelo ebalulekileyo.

Ngexesha lodliwano-ndlebe nomgadi-baviwa oyintloko, umphathi wesekethe, emva kokuba anelisekile ukuba umgadi-baviwa oyintloko otyunjiweyo unako ukwenza imisebenzi eyimfuneko, makanike umtyunjwa isiHlomelo C (ifom epinki) ukuba asizalise. Ifom ezaliswe ngokupheleleyo mayisayinwe ngumphathi wesekethe.

6. UKUTYUNJWA KWABAGADI-BAVIWA ABANCEDISAYO

Umphathi weziko makatsho ukuba umtyunjwa ngamnye ufanelekile ukuba enze imisebenzi yakhe yokuba ngumgadi-baviwa oncedisayo, ekuya kuthi emva koko umphathi wesekethe abonise ukuba ngaba ukutyunjwa komntu ngamnye kwamkelekile kusini na. IsiHlomelo D (ifom eblowu) masizaliswe size sisayinwe ngumgadi-baviwa ngamnye ovunyiweyo.

7. Zakuba zigqityiwe ukuzaliswa, iziHlomelo A, B, C, D no-E mazingeniswe ngoko nangoko ngumphathi wesekethe kwiCandelo leeMviwo: engekadluli uMvulo we-5Meyi 2008 (For attention by: Mr C Slee, Room 529, kwaNdlunkulu kwiSebe i-WCED).
8. Kubalulekile ukuqaphela ukuba akukho mntu osithuba sakhe singavunywanga ngumphathi wesekethe ofanelekileyo, unokwenza imisebenzi yokuba ngumgadi-baviwa. Ukongeza, makungaze naphantsi kwazo naziphi na iimeko, abagadi-baviwa batyumbe abantu bokubabambela, nakowuphi na umsebenzi wabo okanye inxalenye yawo. Ukuba kukho iimeko ezithintela umgadi-baviwa oyintloko okanye umgadi-baviwa oncedisayo ekubeni asuphavayize uvavanyo, makuqeshwe ibambela ngumphathi weziko, ngokubhungisana nomphathi wesekethe. ISebe i-WCED malaziswe kwangokunjalo malunga noku.
9. Kwiimeko eziqhelekileyo, akukho namnye umntu omakaqeshwe njengomgadi-baviwa oyintloko okanye njengomgadi-baviwa oncedisayo ukuba:
(a) ungaphantsi kweminyaka eyi-25 ubudala,
(b) usisizalwane somfundi ovavanywayo okanye ungumququzeleli olungiselela abafundi uvavanyo,
(c) wenza nantoni na enxulumene nabasebenzi beziko lemfundo labadala (ALC), elithile,
(d) uyindoda okanye ungumfazi okanye usisizalwane somgadi- baviwa oyintloko.

Abagadi-baviwa abaziintloko kufuneka babenamabanga emfundo ubuncinane yeBakala 12 ukuze abagadi-baviwa abancedisayo ubuncinane babe neBakala 10. Ukuba akunjalo, makungeniswe ileta ebhaliweyo echaza isizathu sokutyunjwa kwalowo.

10. Ukuba kukho ngaphezu kwabaviwa abayi-30 ngeseshoni nganye, iSebe i-WCED lizimisele ukuqesha umgadi-baviwa omnye kubaviwa abayi-30 okanye inxalenye yeli nani kulo seshoni, okanye umgadi-baviwa oncedisayo omnye kwigumbi ekubhalela kulo abafundi. Kwiiseshoni apho kukho inani elincinane kuphela labaviwa (ababini ubuncinane) kuya kufuneka iinkonzo zomgadi-baviwa omnye oncedisayo. Kwimeko enje ngale umgadi-baviwa oyintloko akayi kuyenza imisebenzi eqhelekileyo, ngaphandle kokubambela umgadi-baviwa oncedisayo xa kufuneka ekhaphe umviwa ovunyelwe ukuba aphume kwigumbi lovavanyo ngenxa yezizathu ezingxamisekileyo nezamkelekileyo. Xa kukho iimvavanyo zethiyori nezeprakhthikhali (theory and practical assessments) ngeseshoni enye, makusetyenziswe iinkonzo zomgadi-baviwa oncedisayo. Apho kufuneka iinkonzo zabagadi-baviwa ababini nangaphezulu ngeseshoni apho kukho amagumbi amabini nangaphezulu asetyenziswa ngaxeshanye, umgadi-baviwa oyintloko akayi kwenza imisebenzi yesiqhelo yokugada abaviwa. UMZEKELO:

INANI LABAVIWAINANI LABAGADI-BAVIWA ABAZIINTLOKOINANI LABAGADI-BAVIWA ABANCEDISAYO
211
3011
3012

11. Apho bonke abaviwa bengabesini esinye, bobabini umgadi-baviwa oyintloko nomgadi-baviwa oncedisayo mababe ngabesini esinye nabaviwa. Apho abaviwa ingamadoda nababhinqileyo, umgadi-baviwa omnye ke ngoko makabe ngumntu ongesosini sinye neso somgadi-baviwa oyintloko.

Umgadi-baviwa uqeshwa ngemvumelwano nokuyiqonda ngokucace gca into yokuba, ngexesha lovavanyo uya kujongana kuphela nokugada abaviwa yaye makangafundi, angabhali, anganithi okanye makangenzi nanye into engomnye umsebenzi onokuphazamisa ukwenziwa komsebenzi wakhe ngokufanelekileyo njengomgadi-baviwa. Umgadi-baviwa akanakubashiya abaviwa naphantsi kwayiphi na imeko, bengasuphavayizwanga kwigumbi lokuvavanywa.

12. INTLAWULO
12.1 ISebe i-WCED liya kuqesha ze lihlawule abagadi-baviwa ngokwemigaqo ebekiweyo yeSebe. Abasebenzi abakwiintolongo abasebenza njengabagadi-baviwa kuvavanyo lwe-ABET Level 4 abafumani ntlawulo yongezelelweyo. Ukuba abagadi-baviwa entolongweni, abaqeshwanga ngokusisigxina kwinkonzo yentolongweni, iSebe i-WCED malaziswe ngokubhalelwa ileta.
12.2 Intlawulo emiyo ngoku yokugada abaviwa ngeseshoni yi-R96,30 kumgadi-baviwa oyintloko ibe yi-R64,20 ngeseshoni kumgadi-baviwa oncedisayo. Nakuba kunjalo ezi ntlawulo zinokutshintshwa.
12.3 Iindleko zeehambo aziyi kuhlawulwa kubagadi-baviwa naphantsi kwaziphi na iimeko. Abaphathi bamaziko, ngoko ke mabaqeshe abagadi-baviwa, bakwalapho ekuhlaleni nabakufutshane nabafumana iinkonzo kwelo ziko. Xa abantu besenza imisebenzi yokuba ngabagadi-baviwa ngexesha leseshoni enye yazo zombini iimviwo, olwe-ABET Level 4 nolweMatriki, makafake ibango ngeseshoni enye kuphela.

QAPHELA Imigaqo emalunga nokuhlawulwa kwerhafu yomqeshwa (IRP 10) imisela ukuba yonke imivuzo yabantu kwizithuba zengqesho ezingesosigxina, kufanele ukuba kutsalwe kuyo i-25% yerhafu. ISebe i-WCED liya kuthi ke ngoko litsale i-25% kwintlawulo yomgadi-baviwa ngamnye. Ngoko ke, ukungeniswa komyalelo wokutsalwa kwerhafu kubaqeshwa (tax deduction directive) (IRP 3) awusasebenzi. Abagadi-baviwa abafanele ukuxolelwa ngokupheleleyo okanye ukuxolelwa ngokuyinxenye kwintlawulo yerhafu yabaqeshwa, mabathi bakufumana izatifikethi ze-IRP5 zabo (iinkcukacha zentlawulo yokutsalwa kwerhafu yengeniso) kwiSebe i-WCED, bazingenise kwi-ofisi yakwa-SA Revenue Services, echaphazelekayo kunye nefom emiselweyo u-I 2 .S Form

12.4 Ziyacelwa iintloko zeentolongo ukuba ziqaphele ukuba ukuzaliswa kweefom zokwamkela ukuqeshwa (acceptance forms) (IziHlomelo C no-D) kunyanzelekile kwaye mazibuyiselwe kwiSebe i-WCED.
12.5 Ukuze kukhawuleziswe intlawulo yamabango abagadi-baviwa, kufuneka ngamnye umgadi-baviwa oyintloko nomgadi-baviwa oncedisayo abhale inombolo yakhe yesazisi (identity number) kwifom yokwamkela ukuqeshwa aze aqhoboshele ikopi yesazisi (ID document). IsiHlomelo E masizaliswe ngumtyunjwa ngamnye. Mayigxininiswe kwakhona into yokuba, kunyanzelekile ukuba bonke abagadi-baviwa abaziintloko nabagadi-baviwa abancedisayo babenee-akhawunti zebhanki ukulungiselela intlawulo. Akusayi kukhutshwa zitshekhi.
13. INDAWO YOKUBHALELA ABAVIWA

Ubuncinane kwithuba lenyanga enye phambi kokuqala kovavanyo, umgadi-baviwa oyintloko, ngokubhungisana nomphathi weziko, makaqinisekise ukuba kukho indawo yokubhalela abaviwa efanelekileyo neyaneleyo yabo bonke abaviwa abakuvavanyo. Abaviwa mabahlaliswe kwindawo enesithuba esaneleyo phakathi kwabo khon' ukuze kuthintelwe naziphi izenzo ezitenxileyo ezinokwenzeka. Kuloo holo okanye kwelo gumbi lisetyenziswayo, makubekho isithuba esiyi-150 cm kumacala omabini sibe yi-120 cm ngaphambili nangasemva kwedesika nganye apho ahleli khona umviwa. Umphathi wesekethe makatyelele amaziko ovavanyo kwisekethe yakhe ukuqinisekisa ukuba uyenziwa lo myalelo. Ikwangumsebenzi womgadi-baviwa ngamnye ukuzanelisa yena buqu ngokufaneleka kwendawo yokubhalela abaviwa phambi kokuqalisa uvavanyo.

14. Bayacelwa abaphathi bamaziko ukuba baqinisekise, ngokubhungisana nomphathi wesekethe, ukuba kwenziwe amalungiselelo anelisayo ukuze abafundi bangaphazamiseki ngexesha leeseshoni zovavanyo.
15. Lusemagxeni abaphathi beesekethe ngokupheleleyo uxanduva lokuqeshwa kwabagadi-baviwa kumaziko emfundo yabadala (ALC).
16. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane umgadi-baviwa oyintloko, noya kuthi azise abagadi-baviwa abancedisayo.


ISAYINWE: NGU-AP CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:03:25

Addendum A  (ubukhulu: 6 KB)
Addendum B  (ubukhulu: 6 KB)
Addendum C  (ubukhulu: 6 KB)
Addendum D  (ubukhulu: 9 KB)
Addendum E  (ubukhulu: 6 KB)