1. Le ngcaciso imfutshane mayifundwe kunye neNgcaciso eMfutshane yeCandelo loPhando i-CEMIS 0001/2008 yowe-10 Januwari 2008 neSetyhula 0046/2007 yowe-5 Septemba 2007.
2. Abafundi abasisigxina
2.1 Ukubhalisela uviwo kwabafundi abasisigxina abakuzo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo nakwezizimeleyo kuViwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ngo-2008 luya kusingathwa liziko ledatha i-CEMIS.
2.2 Kucelwa uncede uqinisekise ukuba zonke iinkcukacha zabafundi zichanekile nokuba izifundo ezo ziyangqinwa zize zisayinwe ngumfundi ngamnye nomzali.
2.3 Wawuceliwe ukuba uqinisekise ukuba idatha ekwiziko ledatha le-CEMIS yabo bonke abafundi beBakala 12 yahlaziywa nge-4 Matshi 2008. ICandelo loLawulo loViwo liya kukopela kwikhompyutha (download) le ngcaciso ngoMvulo, we-17 Matshi 2008.
2.4 Uya kunikwa iprintawuthi yekhompyutha ngo-Apreli 2008 yabo bonke abafundi bakho njengoko bebhaliswe kwi-CEMIS nge-4 Matshi 2008, nekufuneka itshekishwe ize ingqinisiswe ibe sele ibuyiselwa kule ofisi ingadlulanga i-16 Meyi 2008.
2.5 Kubaluleke gqitha ukuba abafundi babe ne-ID enebhakhowudi esemthethweni yaseMzantsi Afrika, njengoko inombolo ye-ID emanani ayi-13 iya kusetyenziswa njengenombolo yabo yoviwo kwiBakala 12.
2.6 Ukususela ngo-2008, akusazi kuphinde kubekho hlelo labafundi babucala (private candidates). Ngako oko ke, izikolo aziyi kubanako ukutshintsha abafundi abangaqhubi kakuhle ezifundweni zabo, okanye abafundi abameko zabo zingaqhelekanga kakhulu zingafani konke nezinye (with unique circumstances) abasisigxina zibenze abafundi babucala. Baya kuhlala bengabafundi abasisigxina.
3. Abafundi be-ABET
3.1 ISebe leMfundo likazwelonke ligqibe ekubeni likuyeke ukubhalisela uviwo abafundi babucala ukususela ngo-2008 kwaye, ngenxa yoko, abafundi babucala kufuneka babe phantsi kweziko lemfundo. Kuya kufuneka ukuba abafundi abalolu hlobo bangenise amanqaku e-CASS, kungenjalo baya kufumana iziphumo ezingaphelelanga.
3.2 Le nkqubo yoviwo ikhoyo ngoku ayenzi sibonelelo sokubhaliswa ngekhompyutha kwabafundi abangesosigxina (ABET). Izikolo ezilungiselele abafundi ngokungqinelana nekharityhulam entsha yeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke mazincede ke ngoko zenze isicelo kwiCandelo leeMviwo zicele iifom zobhaliso (entry forms). Iifom zobhaliso ezizalisiweyo mazingeniswe kule ofisi ingadlulanga i-23 Apreli 2008.
4. Qho ngonyaka iSebe leMfundo lihlangabezana neengxaki ezinkulu ekwenzeni kugqitywe umsebenzi wokubhalisela uviwo ngenxa yeempazamo. Kwakhona, kwenziwa izicelo ezininzi zokutshintshwa kwezifundo ezifike emva kokuba kugqityiwe ukubhalisela uviwo, kwakunye nangexesha lokubhalwa kweemviwo. Kwiimeko ezimbalwa, nkqu nabafundi babengabhaliswanga, nto leyo eyaqatshelwa emva kokukhutshwa kweeleta zokwamkelwa kwabafundi eluviweni. Niya kuvelana nathi xa sisithi ezi zicelo zidala iingxaki ezinkulu ngexesha lokulungiselela ukukhutshwa kweziphumo kwaye zibeka umthwalo owongezelelweyo kwiCandelo leeMviwo. Niyacelwa ukuba niqinisekise ukuba ukubhaliswa kwabafundi kuchanekile ngandlela zonke. Ngethuba loviwo lukaNovemba 2007, abanye abafundi bazitshintsha izifundo zabo ngokungekho mthethweni seladlula kudala ithuba loko, nto leyo eyenza iingxaki ezininzi - amanyathelo alolu hlobo angakhokelela ekubeni kuthiwe iziphumo ezo zililize nento engekhoyo (declared null and void).
5. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yenu malunga noku.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:03:17