1. Kucelwa ufunde iNgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo lweeMviwo No DEA/0030/2007, yomhla we-28 Juni 2007.
2. Njengoko wawuxelelwe kwithuba langaphambili, ukuvavanywa kushenxiselwe kwinqanaba leBakala 9 kwaye nangona bekunokongezwa ezinye iimvavanyo, kwakhona uvavanyo luya kuqhutywa kuphela kwiiLwimi nakwiMathematika ngenxa yeendleko. Uyakhunjuzwa kwakhona ukuba ezi mvavanyo zinyanzelekile kubo bonke abafundi beBakala 9 kwizikolo zeWCED eziqhelekileyo (mainstream schools). Uvavanyo luya kuqhutywa kwikota yesibini ka-2008, ngoMvulo we-21 Apreli 2008 (iiLwimi) nangoLwesithathu we-23 Apreli 2008 (iMathematika). Uvavanyo ngalunye luthatha imizuzu eyi-90.
3. Kucelwa uqaphele ukuba iCandelo leeMviwo leSebe iWCED liya kusebenzisa iziko ledatha i-Central Education Management Information System (CEMIS) ukubhalisela abafundi ezi mvavanyo. Kuphela ngabafundi ababhalisiweyo nge-4 Matshi 2008 kwiCEMIS amabavunyelwe ukuba babhale ezi mvavanyo nge-21 ne-23 Apreli 2008. Ngoko ke, akukho kushota kwamaphepha ovavanyo okanye naluphi na uhlaziyo lwedatha kwiCEMIS luya kwamkelwa emva kwe-4 Matshi 2008.
4. Apho isi-Afrikansi silulwimi lokufunda nokufundisa, amaphepha ovavanyo aya kusetwa aze akhutshwe ebhalwe ngesi-Afrikansi. Apho isiNgesi ilulwimi lokufunda nokufundisa, amaphepha ovavanyo aya kusetwa aze akhutshwe ebhalwe ngesiNgesi, ngaphandle kwezikolo apho isiXhosa silulwimi lwasekhaya kuninzi lwabafundi. Kwezi zikolo abafundi benza inkalo yesifundo ebizwa ngokuba yi-Languages: IsiXhosa uLwimi lwaseKhaya. Ezi zikolo ziya kufumana amaphepha eemvavanyo olwimi apho iCandelo 1 lisetwe ngesiXhosa (nemaliphendulwe ngesiXhosa) neCandelo 2 elisetwe ngesiNgesi (nemaliphendulwe ngesiNgesi).
5. Kwenziwa isicelo esisodwa sokuba izikolo zihlaziye idatha yabafundi beBakala 9 kwi-CEMIS ungadlulanga umhla we-4 Matshi 2008.
6. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yakho.


ISAYINWE: NGU-A.P. CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:02:28