1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liya kuqhuba uvavanyo lweNqanaba 4 (Level 4 assessment) ngoJuni 2008 ngokungqinelana nemigaqo, iikhrayitheriya nemigangatho esetyenziswayo. ICandelo loLawulo lweeMviwo liya kuququzelela lize liqhube uvavanyo ukuze iCandelo leKharityhulam yeGET, libonelele ngoncedo oluyimfuneko kwezekharityhulam .
2. Ayacelwa onke amaziko emfundo yabadala asekuhlaleni abhalise kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED community learning centres (CLCs)), ukuba abhalise abafundi bawo ukuze bavavanywe kwiinkalo zezifundo abazikhethele zona, ngokuxhomekeka ekubeni abafundi abo bayigqibile yonke imilinganiselo yemigangatho (unit standards) kwiinkalo zezifundo ezichaphazelekayo. Apho kunokwenzeka, kuya kuhlangatyezwana nazo zonke iimfuno zeenkalo zezifundo zabafundi. Nangona kunjalo, iCandelo loLawulo lweeMviwo linelungelo lokungalwenzi uvavanyo kwiinkalo zezifundo apho bambalwa kakhulu abafundi ababhalisele ukungenela uvavanyo.
3. Uvavanyo lwenza i-50% yamanqaku xa ewonke. Omnye u-50% uya kuvela kwiphothifoliyo emodareyithiweyo ye-CASS.
4. Siza kukhutshwa kungekudala isicwangciso samaxesha okubhala (timetable) sovavanyo lwango-Juni 2008.
5. Bayacelwa abaphathi bamaziko ukuba bazalise ikopi eyahlukeneyo (separate copy) yefom yobhaliso efakwe apha ngokumalunga nomfundi ngamnye onqwenela ukungenela olu vavanyo. Ifom yokungenela uvavanyo yomfundi ongekhoyo ngenxa yokugula okanye ngenxa yeemeko ezingenakuthintelwa mayisayinwe ngumphathi weziko, omakachaze nangona kunjalo, ngakwisiginitsha yakhe ukuba umfundi ebengekho.
6. Uhlobo lwefom yokungenela (Entry type): Sebenzisa ikhowudi efanelekileyo ukubonisa ukuba ngaba umfundi uvela kwiziko lemfundo yabadala leSebe likarhulumente ("Public") okanye kwiziko lemfundo yabadala labucala ("Industry") elizimeleyo.
7. Kucelwa uqaphele ukuba akukho lutshintsho kwiinkalo zezifundo luya kuvunyelwa emva kokuba iifom zokungenela (entries) zigqityiwe. Ngoko ke iifom zokungenela mazizaliswe ngokuchanekileyo nangononophelo olukhulu.
8. Zonke iifom zokungenela ezizaliswe ngokupheleleyo ngazo zonke iinkcukacha zaza zacwangciswa ngokwe-alfabethi, nesiHlomelo A, mazifike kwiCandelo leeMviwo engadlulanga uLwesine we-20 Matshi 2008. Akukho zifom zingeniswe emva kwexesha ziya kwamkelwa.
9. Izikhokelo ngokunxulumene nokumiselwa kwemigangatho, izibheno nokunikezelwa kwezatifikethi (standardisation, appeals and certification) zingafunyanwa kwiSetyhula 0027/2004 kwaye mazifundwe kunye noxwebhu oluyi-National Policy on Conduct of the ABET Level 4 Examinations, olwanikezelwa kuMaziko eMfundo yaBadala kaRhulumente ngo-2002. Olu xwebhu lwapapashwa kwiGazethi kaRhulumente (Government Gazette) i-Volume 445, 23590 yowe-5 Julayi 2002 kwaye iyafumaneka kule dilesi yeziko lewebhu: http://www.info.gov.za/gazette/notices/2002/23590.pdf


ISAYINWE: NGU-AP CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:01:31

Entry form  (ubukhulu: 15 KB)
Annexure A  (ubukhulu: 15 KB)