1.1 | NgoLwesibini, 30 Disemba 2008 ngo-08:00 Qaphela: Kungabi ngaphambi ko-08:00 | Iinqununu, abaphathi bamaziko/ abasebenzi abathunywe ngabo bafumana iziphumo kwii-ofisi zezithili zemfundo. |
1.2 | Iinqununu/Abaphathi bamaziko banikwa iiyure ezi-4 zokutshekisha iziphumo bakhangele ukuba akukho naziphi na iimpazamo ezibonakala ngokulula. Ezi mpazamo mazicaciswe ngokuthi kwaziswe iCandelo loLawulo lweeMviwo (Directorate: Examinations Administration). |
1.3 | NgoLwesibini, 30 Disemba 2008 ngo-12:00 | Izikolo/Amaziko angabanika abaviwa bawo iziphumo zabo kwizikolo zawo/kumaziko abo. |
| QAPHELA: AKUKHO ziphumo mazaziswe abaviwa yaye AKUKHO ngcaciso emalunga noku mayaziswe abamajelo eendaba namaphephandaba ngaphambi ko-12.00. |
1.4 | NgoLwesibini, 30 Disemba 2008 ngo-09:00 | UMphathiswa weMfundo wePhondo ubhengeza iziphumo zephondo. |
1.5 | NgoLwesithathu, 31 Disemba 2008: | Iziphumo ziya kuphuma kumaphephandaba nakweli ziko lewebhu le-WCED: http://wced.wcape.gov.za. |
1.6 | Kuya kufuneka abaviwa bafake iinombolo zabo zoviwo kunye neenombolo zabo zezazisi ukuze elowo nalowo akwazi ukujonga iziphumo zakhe kwiziko lewebhu le-WCED. |
1.7 | NgoMvulo, 5 Januwari 2008 emva ko-12:00 | Iziphumo ezingathathwanga ziya kuposelwa ezikolweni/emazikweni zii-ofisi zezithili zemfundo. |