1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni livakalisa umbulelo walo kuzo zonke izikolo ngokuthatha inxaxheba kwazo kwiimvavanyo zeelwimi neMathematika kwiBakala 9 ngo-Apreli 2008.
2. Ezi mvavanyo ziya kuba zezinyanzelekileyo kubo bonke abafundi beBakala 9 kwizikolo zeSebe leMfundo leNtshona Koloni. Isigaba sesibini sezi mvavanyo siya kuqhubeka ngoMatshi 2009. Ngeli thuba lovavanyo, abafundi baya kubhala iimvavanyo ezimbini zemizuzu engama-90 qho ngosuku lwesibini. Imihla ekucingelwa ukuba ziya kuqhubeka ngayo ngowe-9 nowe-11 Matshi 2009.
3. ICandelo leeMviwo le-WCED liya lisebenzisa iziko ledatha le-Central Education Management Information System (CEMIS) ukubhalisa abafundi abakwizikolo zikarhulumente eziqhelekileyo libabhalisela ezi mvavanyo.
4. Iziphumo zeemvavanyo ziya kufumaneka kubafundi ekupheleni kukaJulayi kwangalo nyaka mnye ukwenzela ukuba kuthathwe amanyathelo okulungisa izinto apho kuyimfuneko.
5. Ngako oko ke, uyacelwa ukuba uncede uhlaziye idatha yabafundi bakho beBakala 9 kwi-CEMIS ungekadluli umhla we-30 Januwari 2009.
6. Kuphela ngabafundi ababhaliswe kwiCEMIS njengoko baya kuba bebhalisiwe nge-30 Januwari 2009 abaya kufumana amaphepha eemvavanyo, naya kuba ebhalwe kuphela ngolwimi lokufundisa njengoko lubonisiwe.
7. Iya kuthakazelelwa kakhulu intsebenziswano yakho.


ISAYINWE: NGU-T. SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:11:17