1. Le fom yebango iqhotyoshelwe apha (IsiHlomelo A) mayizaliswe ngumgadi wabaviwa oyintloko ngokumalunga naye kunye nomgadi wabaviwa oncedisayo ngamnye obegade abaviwa kwiziko lokubhalela uviwo elithile. Ifom yebango mayizaliswe nge-inki emnyama. Inani leeseshoni malingqinwe yinqununu okanye ngumphathi weziko, nekufuneka ayisayine naye ifom yebango.
2. Malaziswe iSebe ngokubhalelwa ngalo naluphi na utshintsho kwidilesi yomgadi wabaviwa oluthe lwenzeka emva kokungenisa iifom zokutyunjwa kwakhe (nomination forms).
3. Iintolongo ezisebenzisa abagadi babaviwa abangengobasebenzi bazo ziyacelwa ukuba zazise iSebe ngencwadi ebhaliweyo malunga naloo malungiselelo.
4. Abagadi babaviwa baya kuhlawulwa ngokweentlawulo zeSebe (Departmental tariffs). Iintlawulo ezifakelwe izilungiso (amended tariffs) zezi zilandelayo:
Umgadi wabaviwa oyintloko      R114.65 ngeseshoni 
Umgadi wabaviwa oncedisayo     R76.45 ngeseshoni

Uyakhunjuzwa ukuba izikolo ezizimeleyo neekholeji luxanduva
lwazo ukuhlawula abagadi babaviwa bazo.
5. Xa kuhlawulwa abagadi babaviwa, iiseshoni zoviwo phambi kwentsimbi yeshumi elinambini ziya kuthathwa njengeeseshoni zakusasa (zingabandakanywa ii-timed accuracy-tests kwi-Typing ukususela ngo-9:00-9:10). Iiseshoni zoviwo eziqala emva kwentsimbi yeshumi elinambini zithathwa njeeseshoni zasemva kwemini.
6. Amabango afunyenwe ngenxa yokuba bekufakwe abanye abagadi babaviwa (replacement invigilators) aya kusingathwa kuphela ukuba ngaba inkqubo yokutyumba umntu nokuqeshwa kwakhe ilandelwe ngokuchanekileyo.
7. Kucelwa niqinisekise ukuba kuphela linani elimiselweyo (prescribed number) labagadi babaviwa abancedisayo ngeseshoni abanokusetyenziswa. Kufuneka ileta ecacisayo (explanatory letter) emayihanjiswe nefom yebango ukuba kusetyenziswe abagadi babaviwa abongezelelweyo.
8. Uninzi lweenqununu sele luvumile ukuba iSebe leMfundo lingazihlawula iintlawulo zabagadi babaviwa kwii-akhawunti zebhanki zezikolo zazo. Njengoko uViwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke luphela nge-3 Disemba 2008, iSebe leMfundo aliyi kubanako ukuthumela imali ngomatshini kwii-akhawunti zebhanki zezikolo, phambi kokuba izikolo zivale nge-9 Disemba 2008. Kodwa imali iya kuba sele ifumaneka nge-11 Disemba 2008. Iya kuthakazelelwa into yokuba iinqununu zinganako ukubonisa kwifom yempendulo (reply form) eqhotyoshelweyo (Isi Hlomelo B) ukuba ngaba la malungiselelo okuhlawula abagadi babaviwa ngalo mhla amkelekile na. Ukuze kusingathwe amabango abagadi babaviwa avela ezikolweni ungagqithanga owe-11 Disemba 2008, iifom zabo zamabango mazifike kwiSebe leMfundo ungagqithanga owe-3 Disemba 2008. Iifom zamabango ezifunyenwe emva kwalo mhla ziya kuhlawulwa kuphela ngoJanuwari 2009.
9. Ifom yebango ineekholam zabagadi babaviwa abaziintloko ababeze kwiiseshoni zoqeqesho ezinyanzelekileyo. Abenzi-mabango mabachaze umgama abawuhambayo nokuba ngumgama owela ngaphakathi kwe-75 km (radius) okanye ongaphezulu kwalo mgama. Bangenza ibango leseshoni yoqeqesho enye kuphela ukuba bahamba umgama owela ngaphakathi kwe-75 km (radius) okanye eleeseshoni ezimbini ukuba bahamba ngaphezu kwalo mgama.
10. Abagadi babaviwa abazintloko abancedisileyo xa kusamkelwa naxa kutshekishwa amaphepha emibuzo eemviwo mababonise kumabango abo ngale nkonzo kwikholam efanelekileyo kwifom yebango. Bangenza ibango lentlawulo leseshoni enye kuphela ukongeza ukuba babencedisile ekutshekisheni imithwalo emi-4 yamaphepha emibuzo yeemviwo.
11. Ukuze kulungiselwe intlawulo ekhawulezileyo yamabango abagadi babaviwa, iifom zokwenza amabango zingathunyelwa ngefeksi kule ofisi, kusetyenziswe le nombolo yefeksi 021 461 5637 okanye 086 692 2242. Ukuba ukhetha ukuthumela ifom yebango ngefeksi, ifom yebango eyintsusa (original form) ke ngoko, mayithunyelwe ngeposi kwiSebe. Umgadi wabaviwa oyintloko makagcine ikopi ezaliswe ngokupheleleyo yefom yebango ukulungiselela iinjongo zokugcina iirekhodi.
12. Ngokukhawuleza nje emva kweseshoni yokugqibela yoviwo kwiziko lakho lokubhalela iimviwo, makuthunyelwe ikopi yefom yebango eyintsusa, ngeyona ndlela ikhawulezileyo, nokuba kungeposi okanye ngenkonzo yekhuriya okanye isiwe ngesandla, kwenye yezi dilesi zilandelayo:
Idilesi yeposi               Idilesi yestrato
The Head: Education            The Head: Education
For attention:                 For attention:  
Ms VB du Plessis/Ms E du Toit  Ms VB du Plessis/Ms E du Toit           
Western Cape Education Dept    Western Cape Education Dept
Directorate:  Examinations     Directorate: Examinations
Private Bag X9114              5th Floor - Room 515 A
CAPE TOWN                      Grand Central Towers 
8000                           Lower Parliament Street,
                               CAPE TOWN, 8000 


ISAYINWE: NGU-BK SCHREUDER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:06:04

La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).