1. INKQUBO EMAYILANDELWE YEZIKHALAZO KUNYE NEEKHOMENTI EZIPHATHELELE KUMAPHEPHA EMIBUZO
1.1 Kucelwa niqaphele ukuba zonke iikhomenti nezikhalazo eziphathelele kumaphepha emibuzo kazwelonke nawamaphondo mazifike kwiCandelo loLawulo lweeMviwo zingadlulanga iintsuku ezimbini emva kokugqitywa koviwo lwelo phepha lithile (lwawo maphepha athile).
1.2 La malungiselelo ayimfuneko njengoko iiphaneli zabevi zamaphepha emibuzo kazwelonke zixoxa ngememorandam kwiintsuku ezintathu emva koviwo ngalunye. Inxaxheba ezinokuba nayo izikhalazo/iimpazamo kwinkqubo yokumakisha mayixoxwe ngokukhawuleza kangangoko ukuthintela ukuba abaviwa bangadlelwa indlala (being disadvantaged).
1.3 Ileta eya kwiCandelo loLawulo lweeMviwo mayingakhankanyi gama lesikolo. Kuphela mayibe yinombolo yeziko lokubhalela emayiboniswe ukunceda ekulungiseleleni iSebe leMfundo likazwelonke.
1.4 Onke amaxwebhu afanelekileyo makangeniswe kwiCandelo loLawulo lweeMviwo, ukuba aqwalaselwe ngulo Mrs MM Ludick at mmludick@pgwc.gov.za okanye Mr JC Albertyn at jalberty@pgwc.gov.za okanye afekselwe apha 021 461 5628.
2. UMGAQO OMAWULANDELWE WOKUSINGATHWA KWEZITENXO

Kwimeko yezitenxo zovavanyo eziye zaqatshelwa ngelixa kubhalwa iphepha lemibuzo, makusetyenziswe le nkqubo ilandelayo:

2.1 Umgadi wabaviwa makathathe incwadi yeempendulo yomviwa aze abhale "IRREGULARITY" ("ISITENXO") kumphandle weqweqwe elingaphezulu (outside cover page), kwakunye nohlobo lwesitenxo nomhla, ixesha kwanendawo esenzeke kuyo isitenxo eso;

2.2 La magama "Answer script confiscated on… at…. (time) (Incwadi yeempendulo eyohluthwe ngo …….… ngo- …… (ixesha)") makabhalwe kumphandle weqweqwe elingaphezulu ngombhalo ongqindilili;
2.3 Umgadi wabaviwa makathathele kuye naziphi izinto zokufunda ezingagunyaziswanga okanye ezibubungqina obunokumbambisa (unauthorised or incriminating material), ezinjengee-nowuthsi okanye nayo nayiphi na enye into, esetyenziswe ngokucacileyo apho okanye ngandlela yimbi nguye okanye ekumviwa enokuba isetyenziswe ekwenzeni oko kusisitenxo;
2.4 Ezo zinto zithathiweyo maziqhotyoshelwe kwincwadi yeempendulo eyohluthiweyo, nezithi ke ngoko zibe yipropathi yesebe lemfundo kwaye kungekho mviwa okanye mzali (bazali) okanye bagcini (guardians) banelungelo lokufuna ukuba mazibuyiswe;
2.5 Umgadi wabaviwa makanike ke ngoko umviwa incwadi yeempendulo entsha. Le ncwadi yeempendulo mayibhalwe kwakhona la magama "NEW ANSWER SCRIPT" ("INCWADI YEEMPENDULO ENTSHA") nomhla nexesha lokukhutshwa kwayo;
2.6 Umviwa makaxelelwe ukuba into yokuba avunyelwe aqhubeke noviwo ayithethi kuthi unikwa uxolelo (condonation) ekophuleni kwakhe imithetho yoviwo, koko kuza kungeniswa ingxelo ebhaliweyo kumgadi wabaviwa oyintloko kwakugqitywa uviwo nokuba isiganeko eso siza kuxelwa kwiKomiti yePhondo yeZitenxo zeeMviwo (Provincial Examinations Irregularities Committee) (PEIC))
2.7 Umviwa makangaphindi abhale imibuzo asele eyigqibile kwincwadi yeempendulo entsha koko makaqhubeke kuphela nemibuzo aqalele apho ayekiswe khona ukubhala kwakuba kubhaqwe isitenxo;
2.8 Umgadi wabaviwa makangamniki naliphi na ixesha elongezelelweyo ukubuyisa ixesha elichithwe ngethuba lokubhaqwa nokusingathwa kwesitenxo eluviweni;
2.9 Umgadi wabaviwa, emva kokuba kugqitywe uviwo, kufuneka angenise ngoko nangoko ingxelo epheleleyo ebhaliweyo kumgadi wabaviwa oyintloko ngokuphathelele kwisitenxo eso;
2.10 Umviwa, kwakuba kugqitywe uviwo, makabuzwe ngesitenxo eso aze anikwe ithuba lokwenza ingxelo ebhaliweyo (written affidavit) okanye lokunika impendulo kwisityholo solwaphulo-mthetho;
2.11 Ukuba umviwa uyala ukungenisa ingxelo ebhaliweyo okanye ukunika impendulo, oku kwala kwakhe makungqinwe (confirmed) ngumgadi wabaviwa ngengxelo ebhaliweyo. Umviwa kufuneka asayine loo ngxelo ibhaliweyo eyenziwe ngumgadi wabaviwa;
2.12 Ukuba umviwa uyala ukuthobela ummiselwana 2.11, omnye umgadi wabaviwa osebenza kwelo ziko loviwo makanike ingxelo ebhaliweyo engqina ukwala komviwa ukwenza ingxelo ebhaliweyo;
2.13 Incwadi yeempendulo, nazo naziphi izinto ezibubungqina obunokumbambisa kunye nazo zonke iingxelo ezichaphazekayo mazingeniswe ngendlela eqhelekileyo ngokuthi zidlule kuqala kuMphathi we-IMG ukuya kwisebe lemfundo ukuze ziqwalaselwe nguMlawuli weCandelo loLawulo lweeMviwo. Le fom Invigilators' Report Form yomgadi wabaviwa yokunika ingxelo ngezitenxo mayithunyelwe ngefeksi ukuba iqwalaselwe ngulo Mrs MM. Ludick kule nombolo 021 461 5628.

(Kubalulekile ukungeniswa koxwebhu lwesitenxo olupheleleyo njengoko amaxwebhu abubungqina obungaphelelanga aya kubangela ukulibaziseka kweziphumo zomviwa lowo.)


3. Kucelwa ukuba ufunde kwakhona umhlathi 12 (Izitenxo) nomhlathi 13 (Izikhalazo) yeSikhokelo seeNqununu naBagadi baBaviwa sika-2008, (paragraph 12 (Irregularities) and paragraph 13 (Complaints) of the Procedure Manual for Principals and Invigilators) kunye neGazethi kaRhulumente Vol. 484, No 28156 ye-21 Oktobha 2005 ngokumalunga nemiMiselo yokuQhutywa, uLawulo nokuPhathwa koVavanyo (Government Gazette Vol. 484, No 28156 of 21 October 2005 on Regulations for the Conduct, Administration and Management of Assessment).
4. Ziyabongozwa kakhulu iinqununu nabagadi babaviwa abaziintloko ukuba bancede baqinisekise ukuba le miyalelo ilapha ngasentla iyalandelwa ngokuthe ngqo ukulungiselela uViwo lukaNovemba 2008 kwakunye neeMviwo zokuXabangela zango-2009.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:09:26

"Government Gazette No 28156 of 21 October 2005: Regulations for the Conduct, Administration and Management of Assessment for the Senior Certificate"  (size: 662 KB)