INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LEEMVIWO: 0027/2008 |
IYA: | KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI ZEMFUNDO), KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM ABAZIINTLOKO, KWIINKOKELI ZEEKOMITI ZEESEKETHE KUBAPHATHI BEESEKETHE ABAKHULU, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM YE-ABET NAKUBAPHATHI BAMAZIKO EMFUNDO YABADALA |
| UBHALISO LWABAFUNDI UKULUNGISELELA UVIWO LWENQANABA 4 LE-ABET (ABET LEVEL 4 ASSESSMENT) LUKA-OKTOBHA 2008 NGENJONGO YOKUFUMANA ISATIFIKETHI SEMFUNDO NOQEQESHO NGOKUBANZI (GENERAL EDUCATION AND TRAINING CERTIFICATE) |
1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) liya kuqhuba iimviwo zeNqanaba 4 le-ABET (ABET Level 4 examinations) ngo-Oktobha 2008 ngokungqinelana nemigaqo, iikhrayitheriya nemigangatho esetyenziswayo.
|
2. |
Ayacelwa onke amaziko emfundo yabadala abhalise kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED community learning centres), ukuba abhalise abaviwa bawo ukuze bangenele ezi mviwo kwiinkalo zezifundo abazikhethele zona, ngokuxhomekeka ekubeni abaviwa abo bayigqibile yonke imilinganiselo yemigangatho (have completed all unit standards) kwiinkalo zezifundo ezichaphazelekayo. Apho kunokwenzeka, zonke iinkalo zezifundo zabaviwa ziya kuhlangatyezwa. Kodwa nangona kunjalo, lilungelo leCandelo loLawulo lweeMviwo ukungaqhubi ziimviwo kwiinkalo zezifundo apho bambalwa kakhulu abaviwa ababhalisileyo.
|
3. |
Uviwo lwenza i-50% yamanqaku enkalo yesifundo, lo gama enye i-50% iya kuvela kwiiphothifoliyo zovavanyo ezimodareyithwe liziko ngokwalo (moderated site-based assessment portfolios).
|
5. |
Bayacelwa abaphathi bamaziko ukuba bazalise ifom enye kwezo zobhaliso zifakwe apha ngokumalunga nomviwa ngamnye onqwenela ukungenela ezi mviwo. Ifom yokungenela uvavanyo yomviwa ongekhoyo eluviweni, ngenxa yokugula okanye ngenxa yeemeko ezingenakuthintelwa, mayisayinwe ngumphathi weziko, nomakathi kwakhona abonise, ngakwisiginitsha yakhe, ukuba umviwa lowo wayengekho.
|
6. |
Ngokumalunga nesicelo sohlobo loviwo olungenelwayo (entry type) kwifom, kucelwa usebenzise ikhowudi efanelekileyo ukubonisa ukuba ngaba umfundi uvela kwiziko lemfundo yabadala likarhulumente (“public”) okanye kwiziko lemfundo yabadala labucala (“industry”) elizimeleyo.
|
7. |
Kucelwa niqaphele ukuba akukho lutshintsho kwiinkalo zezifundo luya kuvunyelwa emva kokuba iifom zokungenela (entries) zigqityiwe. Ngako oko ke iifom zokungenela mazizaliswe ngokuchanekileyo.
|
8. |
Zonke iifom zokungenela ezifakwe zonke iinkcukacha zaza zacwangciswa ngokwe-alfabethi, kunye nesiHlomelo A mazifike kwiCandelo loLawulo lweeMviwo engadlulanga uLwesihlanu we-22 Agasti 2008. Akukho zifom zingeniswe emva kwexesha ziya kwamkelwa.
|
ISAYINWE: NGU- AP CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:07:30
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|