1. Kufakwe apha izintlu zokuqala zamagama abafundi ababhalisele ezi mviwo zikhankanywe apha ngasentla. Ukuba kuye kwakho naziphi na iinkcukacha zobhaliso lomviwa ezingachanekanga, izilungiso ezo maziboniswe ngokubhala ngombala obomvu kuluhlu oluprintiweyo (printout) lomviwa. Kwiimeko apho amagama abaviwa angekhoyo (omitted), makungeniswe zonke iinkcukacha zabaviwa abalolu hlobo (njengoko kufuneka kwizintlu zokuqala zamagama abafundi ababhalisela iimviwo) zingeniswe zibhaliwe kwiCandelo loLawulo lweeMviwo.
2. Eli lithuba lokugqibela lokwenza utshintsho kwiinkcukacha zoviwo zabaviwa. Ukulungiselela iinjongo zeerekhodi zakho, kucelwa ugcine ikopi yezi printouts kunye naziphi na izilungiso ezenziweyo.
3. Kucelwa uqaphele ukuba isifundo seMathematika (Mathemetics) sinePhepha lesiThathu (Third Paper) elibhalwa ngokuzithandela (optional). Nakuba kunjalo, ukuba unabaviwa abanqwenela ukubhala eli Phepha lesiThathu, kufuneka ubonise ngokubhala "Paper 3" ngombala obomvu ngakwisifundo seMathematika kwi-printout yomviwa.
4. Ngesifundo ngasinye somculo, makuboniswe isixhobo somculo (musical instrument) esidlalwa ngumviwa. Ngako oko ke, uyacelwa ukuba ubhale igama lesixhobo somculo esiya kudlalwa ngumviwa ngakwisifundo somculo somviwa.
5. Kulindeleke ukuba ngamnye umviwa, umzali okanye umgcini womviwa (ukuba oku kunokwenzeka) nenqununu basayine nganye i-printout yomviwa ukungqina ukuba yonke ingcaciso elapho kuyo iye yatshekishwa yaza, apho kuyimfuneko, yalungiswa. Nokuba ngaba akukho zimpazamo kwi-printout yomviwa, inqununu mayingqine ukuba zonke iinkcukacha zoviwo zomviwa zichanekile.
6. Zakuba zitshekishiwe, zafakelwa izilungiso (xa kukho imfuneko yoko) zaza zasayinwa, ii-printout zabaviwa ababhalisele iimviwo, mazibuyiselwe kwiCandelo loLawulo lweeMviwo (For attention: Mrs C Abrahams) ungadlulanga uMvulo we-21 Julayi 2008.
7. Luya kuthakazelelwa kakhulu uncedo lwakho malunga noku.


ISAYINWE: NGU-T SINGH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:06:20



La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).