1. Ii-CTA ziya kuqhutywa kwakhona kwikota yesi-4 yalo nyaka wezifundo kwaye kuphela kwemisebenzi yovavanyo eyenziwa kulandelwa imigaqo nethi irekhodelwe loo kota. Abafundi beBakala 9 abakwizikolo zikarhulumente nezizimeleyo mabenze zombini, i-CASS ne-CTA (iCandelo A neCandelo B). ICandelo B, eliluvavanyo olubhalwa kusetyenziswa ipeni nephepha, luya kubhalwa lugqitywe ngeeyure ezimbini kwinkalo yesifundo nganye.
2. Ngethuba lamalungiselelo ovavanyo lwephondo lwabafundi beBakala 9, waye wacelwa ukuba uqinisekise ukuba idatha yabo bonke abafundi beBakala 9 yeziko ledatha le-CEMIS ihlaziyiwe ungadlulanga owe-31 Januwari 2008.
3. Kwixesha elidlulileyo, kwafika intlaninge yezicelo ezivela ezikolweni ezafumana inani elingachanekanga lamaphepha ovavanyo, ngenxa yokuba iitotali zazo kwi-CEMIS zazingachanekanga. Iziganeko ezinjengezi zidala iingxaki ezinkulu, hayi nje kuphela kwiSebe leMfundo, koko nakubafundi ngokunjalo, abaye bazifumane sebephantsi koxinzelelo olukhulu.
4. Njengoko ii-CTA ziya kusiwa kuwe kwikota yesi-3, ziyacelwa kwakhona iinqununu ukuba zihlaziye idatha yazo yabafundi beBakala 9 kwi-CEMIS ungadlulanga owe-23 Meyi 2008. Ngokunxulumene noku, kubaluleke ngakumbi ukuqinisekisa ukuba abafundi babhaliswa ngokuchanekileyo kumanqanaba ahlukeneyo eelwimi abazifundayo.
5. Ngenxa yoku sele kukhankanywe apha ngasentla, ukuba isikolo asiyihlaziyanga idatha ye-CEMIS, eso sikolo siya kuluthwala ngokwaso uxanduva lokuqinisekisa ukuba umfundi ngamnye ufumana incwadi/iincwadi ye/ze-CTA yokusetyenziswa xa kubhala i-CTA, njengoko i-WCED ingasayi kubonelela ngazo naziphi na ezinye iikopi ezongezelelweyo.
6. Kucelwa uqaphele ukuba ukuze kukhutshwe iSatifikethi seMfundo Jikelele kwixa elizayo (General Education Certificate), umfundi ngamnye makabe ubhalisile kwi-CEMIS, ngenombolo yesazisi yakhe echanekileyo.
7. Iya kuthakazelelwa intsebenziswano yakho malunga noku.


ISAYINWE: NGU- AP CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:05:08