1. Njengoko nisazi u-Eskom noomasipala abahluka-hlukeneyo njengangoku bankinkisha umbane ngokumana bewucima rhoqo ukuze bakwazi ukufikelela ekuwongeni nge-10%.
2. Ngako oko ke, ukuqhutywa kweemviwo kwezi zifundo zingasentla kwenza ixhala, ngakumbi kuba kungekho ngcaciso icace gca ngokumalunga namaxesha aqinisekileyo okumana kucinywa umbane ngoMeyi nangoJuni 2008.
3. Ziyacelwa ke ngoko, iinqununu nabaphathi bamaziko ukuba ziqhagamshelane noomasipala bezo ndawo zikuzo phambi kwemihla yeemviwo ukulungiselela ezi zifundo zingasentla ukuze zikwazi ukwenza amalungiselelo okuxolelwa ekubeni zicinyelwe umbane kummandla wazo ngethuba lokubhalwa kweemviwo ezilolu hlobo.
4. Xa kuthe kwacima umbane ngexesha kubhalwa uviwo, umgadi wabaviwa oyintloko nenqununu yesikolo mabaqinisekise ukuba abaviwa bahlala ngaphakathi kwigumbi lokubhalela uviwo de bagqibe ukubhala uviwo olo.
5. Malaziswe ngoko nangoko iSebe i-WCED xa kuphazamiseke uviwo.


ISAYINWE: NGU-AP CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:05:05