1. UMgaqo-nkqubo omalunga neSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (National Senior Certificate), njengoko usebenza kubafundi abanezithintelo ekufundeni, ukhokelwa yiNgxelo kaRhulumente eCacisa uMgaqo-nkubo 6 ongeMfundo eneeMfuno eziZodwa: Kwakhiwa iNkqubo yeMfundo noQeqesho eBandakanya Bonke aBafundi (White Paper 6 on Special Needs Education: Building an Inclusive Education and Training System (2001)). Le Ngxelo kaRhulumente eCacisa uMgaqo-nkubo icacisa ukuba "Iinkqubo zovavanyo ziya kuthathela ingqalelo izithintelo ekufundeni kwaye nemigaqo-nkqubo ekhoyo ngoku kunye neendlela ezisetyenziswayo ziya kuhlalelwa kwakhona zijongisiswe zize zihlaziywe ukuqinisekisa ukuba iimfuno zabo bonke abafundi zithathelwa ingqalelo yaye kuyahlangatyezwana nazo".
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (iWCED) liya kutshintsha apha naphaya amaphepha abafundi abangaboniyo nabanorhatyazo (blind and partialy sighted learners) abaya kuba bebhala uviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke (ngoNovemba) (National Senior Certificate (November)), uViwo lweMatriki (ngoMeyi-Juni) (Senior Certificate (May-June)) nabafundi beBakala 9 abaya kuba bebhala ii-CTA:
2.1 Abafundi abangaboniyo baya kufumana amaphepha emibuzo eguqululelwe kwiBreyili (Braille). Kwimeko apho uthi umbuzo ube nemizobo, imifanekiso okanye iifoto, loo mbuzo uya kutshintshwa kuze kufakwe omnye ofanelekileyo endaweni yawo.
2.2 Abafundi abanorhatyazo baya kufumana iphepha lombuzo apho isayizi yefonti iya kwandiswa ibe ngu-Arial 16 kwiphepha elingu-A4 ize imizobo yandiswe ifakwe kwisihlomelo. Nangona kunjalo, umzobo ngamnye oyisayizi eqhelekileyo (original size diagram) usaza kuvela kwiphepha lemibuzo uyisayizi eqhelekileyo ubukhulu nokuma kwawo (original size and position) ukwenzela ukunceda umfundi. Iphepha lemibuzo liya kuprintwa kwiphepha elinombala ukunceda abafundi abanorhatyazo.
2.3 Kwimeko apho abafundi abangaboniyo okanye abanorhatyazo bangenako ukubhala iimviwo ngenxa yokunye ukukhubazeko okungaphezulu, iSebe iWCED liya kubonelela ngengcali yokubhalela umntu (amanuensis) eya kufunda iphepha lemibuzo ize ibhalele umfundi lowo.
2.4 Kuya kubonelelwa ngeetheyiphu ezimanyelwayo (audio tapes) abo bafundi bangaboniyo nabanorhatyazo abasenokufuna uncedo olungaphezulu.
3. Makulandelwe le nkqubo ilandelayo xa kusenziwa isicelo sokutshintshwa kwamaphepha emibuzo ukulungiselela abafundi abangaboniyo nabanorhatyazo:
3.1 Izikolo mazisebenze ifom ehamba kunye nolu xwebhu ukwenza isicelo sephepha lemibuzo elithile emalitshintshwe apha naphaya leemviwo zokugqibela zeBakala 12 nelee-CTA zeBakala 9.
3.2 Inani lilonke labafundi ekufuneka batshintshelwe amaphepha abo kwisifundo ngasinye maliboniswe kwikholam yabafundi abasisigxina okanye yabafundi abangesosigxina (full-time or part-time column) kwifom leyo. Makubhalwe kwakhona iinkcukacha zohlobo lwenkxaso efunekayo kudidi ngalunye.
3.3 Ukuba kufuneka ingcali yokubhalela umntu (amanuensis) okanye itheyiphu emanyelwayo, makungazaliswa iikholam zombhalo omkhulu okanye zeBreyile, njengoko ingcaciso efunekayo seyinikiwe kwiikholam kwezi ndidi zimbini zongezelelweyo zenkxaso.
3.4 Makuzaliswe ifom leyo ize ibuyiselwe kwiCandelo loLawulo lweeMviwo ukuba iqwalaselwa nguNks B. Calvert ungadlulanga owe-23 Meyi 2008. ICandelo loLawulo lweeMviwo liya kuzisingatha ezi fom lize lizidlulisele kwiKomiti yokuNyenyisa imiQathango (Concessions Committee) yeSebe iWCED ukuze inike imvume yokugqibela.
4. Izikolo ziya kufumana isaziso ngesigqibo seKomiti yokuNyenyisa imiQathango malunga nesicelo eso kwaye, ukuba kuvunyiwe, ziya kufumana izinto zokunika inkxaso efunekayo (necessary support material) phambi kokuba kuqale uviwo (iimviwo). Amalungiselelo okhuseleko esiqhelo malunga neemviwo aya kusebenza kwakhona kwizinto zokunika inkxaso nekufuneka zigcinwe kwigumbi elinqatyisiweyo lesikolo.
5. Kucelwa wazise le ngcaciso bonke ootitshala abachaphazelekayo esikolweni sakho.


ISAYINWE: NGU-AP CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:05:06

Form: Statistics per Centre for Visually Impaired Learners  (ubukhulu: 11 KB)