1. Kucelwa ufunde le Ngcaciso iMfutshane yeCandelo loLawulo lweeMviwo 0004/2008, yomhla we-28 Februwari 2008.
2. Kuyagxininiswa kwakhona ukuba ezi mvavanyo zinyanzelekile yaye ziya kubhalwa ngabo bonke abafundi bezikolo zikaRhulumente zeSebe leMfundo leNtshona Koloni nezikolo ezizimeleyo ngale mihla ilandelayo:
2.1 Uvavanyo loLwimi: ngoMvulo, 21 Apreli 2008 ukuqala ngo-09:45 - 11:00
2.2 Uvavanyo lweMathematika: ngoLwesithathu, 23 Apreli 2008 ukuqala ngo-09:45-11:00
3. Apho isi-Afrikansi silulwimi lokufunda nokufundisa, amaphepha ovavanyo aya kusetwa aze ahanjiswe esisi-Afrikansi. Apho isiNgesi silulwimi lokufunda nokufundisa, amaphepha ovavanyo aya kusetwa aze ahanjiswe esisiNgesi, ngaphandle kwezikolo apho isiXhosa silulwimi lwasekhaya kuninzi lwabafundi. Kwezi zikolo abafundi abenza le nkalo yesifundo ebizwa ngokuba yi-Languages: IsiXhosa uLwimi lwaseKhaya. Ezi zikolo ziya kufumana amaphepha eemvavanyo olwimi apho iCandelo 1 lisetwe ngesiXhosa (emaliphendulwe ngesiXhosa) neCandelo 2 elisetwe ngesiNgesi (nemaliphendulwe ngesiNgesi).
4. USkynet Couriers uya kusa iincwadi zeemvavanyo namaxwebhu zingumthwalo omnye, kwithuba leveki phambi komhla wovavanyo lokuqala. Isikolo ngasinye siya kufumana ibhokisi okanye iibhokisi ezineekopi ezaneleyo zeemvavanyo ngeemvavanyo ezahlukeneyo, nezi zinto ii-bubble sheets (answer sheets), i-test administration manual, ii-overhead projector transparency slides ezi-2, iifom zerejista yokubakho kuvavanyo (attendance register forms), uluhlu lokutshekisha i-checklist (consignment note), ii-elastic bands nezingxobo zeplastiki ezigreyi (grey plastic bags) ekufuneka iincwadi zovavanyo nee-answer sheets zibuyiswe ngazo. Emva kokufumana lo mthwalo, kucelwa uzalise uluhlu lokutshekisha (checklist) uze emva koko uluthumele ngefeksi apha 021 461 5637 okanye apha 021 461 5628. (Ukuba unayo nayiphi na imibuzo malunga neencwadi zovavanyo namaxwebhu ovavanyo, kucelwa ufonele uMnu C. Berry kule nombolo yefoni 021 461 2265.)
5. Mazincede iinqununu ziqinisekise ukuba zifumana inani elichanekileyo leebhokisi nokuba ziyawasayina la maphetsha delivery notes abonisa ukuba zizifumene iibhokisi. Ezi bhokisi mazigcinwe kwigumbi lesikolo elinqatyisiweyo kwaye uxanduva lokugcinwa kwezitshixo ngokukhuselekileyo luthweswa inqununu. Kucelwa niqaphele ukuba phambi kokwenziwa kovavanyo, iincwadi zovavanyo (assessment tasks) mazingaze zivulwe, mazingaze zisuswe kwigumbi elinqatyisiweyo kwaye mayingaze imibuzo ixoxwe nabafundi.
6. Kwiintsuku ezi-3 ubuncinane phambi kokwenziwa kovavanyo, inqununu mayinike utitshala inani elichaneke ncam (exact number) lee-answer sheets ezifuneka kwelo nani labafundi abaza kuba bebhala uvavanyo. Phantsi kokusuphavayizwa ngutitshala, kufuneka ke ngoko abafundi bavunyelwe ukuba bazalise iphepha 1 le-answer sheets, o.k.t. elingengcaciso engabo buqu. Le ngcaciso mayitshekishwe iphinda-phindwe ngutitshala ochaphazelekayo. Imiyalelo ebanzi (kwakunye nomzekelo we-answer sheet egqityiweyo) ziya kufakwa kwi-Test Administration Manual.
7. Ngasinye isikolo siya kunikwa inombolo enamanani ama-3 yeziko lokubhalela uvavanyo engafani tu nenye. Ngamnye umfundi uya kunikwa naye inombolo yoviwo engafani tu nenye. Kufuneka abafundi bayibhale le nombolo yoviwo kwii-answer sheets zabo xa bebhala ingcaciso engabo buqu. Baya kuphinde bayibhale le nombolo kwiincwadi zovavanyo ngentsasa yovavanyo.
8. Imibuzo efuna iimpendulo ezithe gabalala (open-ended questions) mayiphendulwe kwiincwadi zovavanyo, lo gama imibuzo ekhethisayo (multiple-choice questions) mayiphendulwe kwi-answer sheets abazinikiweyo. Bonke abafundi mababe behleli kwimizuzu engama-30 phambi kokuba kuqale uvavanyo. Eli xesha malisetyenziselwe ukuzalisa irejista yokubakho kuvavanyo (attendance register) nokufundela abafundi imiyalelo yovavanyo.
9. Ezi mvavanyo mazibhalwe phantsi kweemeko ezifanayo nezo zoviwo olumiselwe imigaqo (formal examination conditions), kwaye makusetyenziswe imithetho ephathelele ekuqhutyweni kweemviwo zeMatriki, kodwa kungaqeshwa abagadi babafundi bangaphandle.
10. Utitshala ogade abafundi kuvavanyo makaqinisekise ukuba kulandelwa ngqo le nkqubo ilandelayo ngentsasa yovavanyo.

9:00 - 9:30: Ukwenziwa kwamalungiselelo ovavanyo

Utitshala ogade abafundi makenze le misebenzi ilandelayo alandele ngqo indlela emayilandelelane ngayo enikwe apha ngasezantsi

  1. Nika umfundi ngamnye i-answer sheet echanekileyo, o.k.t. i-answer sheet enengcaciso engomfundi buqu nathe wayibhala kwangaphambili.
  2. Nika umfundi ngamnye incwadi yovavanyo.
  3. Yalela abafundi ukuba bakopele ingcaciso engabo buqu ekwi-answer sheet kwiphepha lokuqala (elinesihloko esithi "Imiyalelo" "Instructions") zeencwadi zabo zovavanyo.
  4. Xelela abafundi ukuba bavumelekile ukuyifunda imibuzo yoviwo kwimizuzu emi-15 phambi kokuba kuqale uvavanyo.

9:30 - 11:00: Ukubhalwa kovavanyo

Imiyalelo ebanzi inikwe kwi-Test Administration Manual eya kuhamba kunye nomthwalo onezinto zokubhala uvavanyo.

Emva kovavanyo

Abafundi mabayeke ukubhala ngo-11:00 yaye makuqokelelwe iincwadi zovavanyo nee-answer sheets ngoko nangoko. Utitshala ogade abafundi makenze oku kulandelayo:

  • Tshekisha ukuba inani leencwadi zovavanyo nee-answer sheets ezithathiweyo liyangqinelana nenani labafundi ababhale uvavanyo.
  • Tshekisha ukuba umfundi ngamnye uzibhalile iinkcukacha ezingaye buqu ngokuchanekileyo kwincwadi yovavanyo.
  • Qinisekisa ukuba iincwadi zeemvavanyo nee-answer sheets zabafundi zicwangciswe ngendlela efanayo naleyo yolandelelwano lwamagama akwiifom zerejista yeklasi nokuba ezi rejista zibuyiswa kunye neencwadi zovavanyo nee-answer sheets.
  • Faka i-answer sheet nganye ngaphakathi kwikhava yencwadi yovavanyo engqinelana nayo (inside the front cover of the corresponding test book).
  • Zalisa i-Test Venue Script Control Sheet uze uyibuyise kunye neencwadi zovavanyo ezisetyenzisiweyo. Khangela isampula kwi-Test Administration Manual.
11. Oku lulandelayo yinkqubo yokubuyiswa kweencwadi zovavanyo nee-answer sheets:
11.1 Iincwadi zovavanyo ezisetyenzisiweyo kunye nee-encoded answer sheets zazo, mazilungiswe ngokolandelelwano lwe-alfabhethi nangolandelelwano lweenombolo ngokungqinelana nefom yerejista yeklasi.
11.2 Iincwadi zovavanyo ezisetyenzisiweyo, kunye nee-encoded answer sheets zazo mazenziwe iibhetshi ngokweklasi nganye kungabikho bhetshi ineencwadi zeempendulo ezingaphezu ko-50. Ifom yerejista kunye nerejista yeklasi yokuhamba isikolo mazibelwe ngaphezulu ukuze ekugqibeleni kubekwe ikhava yebhetshi phezu kwazo zonke ezi zinto. Jonga ku"Batch Covers" kwi-Test Administration Manual.
11.3 Ibhetshi nganye mayifakwe kwizingxobo zeplastiki ezigreyi (grey plastic bags) enizikiweyo zize zibuyiselwe kwiCandelo leeMviwo zibhalwe "For attention: Mr E. van Breda".
11.4 Zonke iincwadi zovavanyo ezingasetyenziswanga nezimoshakeleyo mazidityaniswe zibe yibhetshi eyahlukileyo zibuyiswe zifakwe kwikhava eyahlukileyo.
11.5 Ikhuriya inexesha elicwangcisiweyo lokuqokelela iipasile zeencwadi zovavanyo nee-answer sheets zingadlulanga iintsuku ezimbini ukususela ekugqityweni kovavanyo lokugqibela. Ukuba iipasile zeemvavanyo ezimbini aziqokelelwanga ngoLwesine, we-24 Apreli 2008, makwaziswe ngokukhawuleza iCandelo leeMviwo ngokufonela kule nombolo 021 467 2960/1.
12. Kucelwa niqaphele ukuba kuya lubekwa esweni ngokungqongqo ukubhalwa kwezi mvavanyo. Oku kuya kubandakanya ukutyelelwa kwezikolo kungaxelwanga kuqala ngamagosa esebe likazwelonke, ngabaphathi beesekethe nangamagosa eCandelo lweKharityhulam ye-GET ukuqinisekisa ukuba zonke iinkqubo ziyalandelwa.
13. Kucelwa niqaphele ukuba ezi mvavanyo aziyonxalenye yamanqaku okupasa kwabafundi beBakala 9. Okunye omakuqatshelwe kukuba abafundi abalindelekanga ukuba bafunde ikhontenti ethile ukulungiselela ezi mvavanyo njengoko kuya kuvavanywa izakhono (skills) nokuqondwa kweekhonsepthi (concepts) kwinqanaba elifanele iBakala 9.
14. Ootitshala abayi kucelwa ukuba bamakishe iimpendulo zabafundi babo. Iincwadi zovavanyo ziya kuthunyelwa kwiYunivesiti yaseKapa (University of Cape Town), apho kuya kumakishelwa khona kuze kulungiswe neziphumo. Isikolo ngasinye siya kuthunyelelwa iziphumo zaso, kwakunye nocazululo olunzulu (detailed analysis) lwendlela esiqhube ngayo. Umfundi ngamnye uya kufumana isiqinisekiso, ngako oko ke, kubalulekile ukuba kuqinisekiswe, ngexesha lokubhalisa, ukuba ukupelwa kwamagama kunye namagama namanqanaba eemvavanyo abhalwa ngokuchanekileyo.
15. Ziyacelwa iinqununu nootitshala ukuba bonke baqinisekise ukuba ezi mvavanyo zibhalwa ngemihla ecwangciselwe zona nangamaxesha acacisiweyo nokuba ziyasayinwa iirejista zokubakho kwabafundi kwiimvavanyo.


ISAYINWE: NGU-CD BIRTLES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:04:11