1. Kwixesha langaphambili eli Sebe beliwaqesha ngokwalo amagosa angabevi neemodareyitha zangaphakathi ukuba asete aze amodareyithe amaphepha eemviwo zeMatriki. Kwakhona abevi bebesingatha ukumakishwa kwamaphepha eempendulo zeemviwo kwiziko lokumakishela, lo gama iimodareyitha zangaphakathi beziqinisekisa umgangatho wokumakisha.
2. Ukususela ngoNovemba 2008, iSebe leMfundo kuZwelonke liya kusingatha ukusetwa kwawo onke amaphepha eemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, ngaphandle kwamaphepha oncwadi, aya kusetwa wona ngamasebe emfundo amaphondo.
3. Ngako oko ke kucelwa ootitshala ukuba bafake izicelo abo bangathanda ukuba babe ngabamakishi abaziintloko, amasekela-bamakishi abaziintloko neemodareyitha zangaphakathi bokumakisha amaphepha eempendulo zeemviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ngoNovemba 2008 no-2009 nangoMatshi 2009 no-2010 amaphepha eemviwo zokuxabangela (supplementary examinations). Abenzi-sicelo abaphumeleleyo baya kuqeshwa ithuba leminyaka emibini kwaye oko kuqeshwa kungahlaziywa, ngokuxhomekeka ekwenzeni umsebenzi ngempumelelo kwalowo uqeshiweyo.
4. Oku kulandelayo yinkqubo emalunga nokuqeshwa kwabamakishi:
4.1 Ziyacelwa iintloko ukuba zikhuthaze ootitshala abazanelisayo ezi mfuno zichazwe KWISIHLOMELO A, ukuba bafake izicelo kwizithuba zokuba ngummakishi oyintloko, lisekela lommakishi oyintloko nemodareyitha yangaphakathi.
4.2 ISebe liya kuqesha imodareyitha enye, ummakishi oyintloko omnye nesekela lommakishi oyintloko elinye kwisifundo ngasinye esinabaviwa abaninzi. Ubungcali namava kwiimviwo zangaphambili ziya kuba zezona nqobo zokugweba xa kukhethwa la magqiza okumakisha (selection panels).
4.3 Abaza kuba ziimodareyitha, ngabamakishi abaziintloko, ngamasekela-bamakishi abaziintloko bangafaka izicelo besebenzisa ifom eqhotyoshelweyo yesi(zi)fundo abasi(zi)fundisayo njengangoku. Uluhlu lwezifundo abenzi-sicelo abangafaka izicelo kuzo luqhotyoshelwe njengeSIHLOMELO B.
4.4 Zonke izicelo mazihambe kunye noku kulandelayo:
  • Isivi (curriculum vitae) yomenzi-sicelo
  • Ikopi yesazisi (ID) eqinisekisiweyo yomenzi-sicelo
  • Iikopi eziqinisekisiweyo ze(e)rekhodi yezifundo yomenzi-sicelo
  • Ikopi eqinisekisiweyo yesatifikethi/Iikopi eziqinisekisiweyo zezatifikethi zemfundo yoqeqesho yomenzi-sicelo
  • Ileta ehamba nala maxwebhu athi kuyo umenzi-sicelo anike izizathu zokuba kungani na esenza isicelo seso sithuba
4.5 Izicelo mazithunyelwe kule dilesi ilandelayo:
Head:  Education
Western Cape Education Department
Attention: Mrs PK Markgraaff
Directorate: Examinations Administration
Private Bag X9114
Cape Town
8000

Izicelo mazifike kwiSebe ungadlulanga owe-25 Apreli 2008. Ukuba unayo nayiphi na imibuzo kucelwa uqhagamshelane noMnu TJ Magwaca kule nombolo yefoni 021 467 2626.

5. Abenzi-sicelo abaphumeleleyo baya kwaziswa ngokuqeshwa kwabo ngokubhalelwa. Emva koko enye imbalelwano emalunga nenkqubo yokumakisha iya kuthunyelwa kubenzi-sicelo abaphumeleleyo.
6. Ifom eqhotyoshelweyo yokuvuma ukuba uyifumene le ngcaciso imfutshane mayizaliswe yinqununu yesikolo okanye ngumphathi weziko lemfundo yabadala ize ibuyiselwe kwiSebe yakuba ifunyenwe le ngcaciso imfutshane.
7. ISebe iWCED lixhomekeke kwintsebenziswano nenkxaso yenu ngokumalunga nalo mbandela ubaluleke kangaka.


ISAYINWE: NGU-CD BIRTLES
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:04:16

Addendum A  (ubukhulu: 43 KB)
Addendum B  (ubukhulu: 13 KB)
Acknowledgement of receipt  (ubukhulu: 6 KB)
Application form  (ubukhulu: 34 KB)