INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LEEMVIWO 0010/2008 |
IYA: | KUBALAWULI BEZITHILI, KUBAPHATHI BEESEKETHE ABAKHULU, KUBAPHATHI BEESEKETHE, KUBACWANGCISI BEZEKHARITYHULAM ABAKHULU, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM ABAZIINTLOKO, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM, KUBAPHATHI BAMAZIKO EMFUNDO YABADALA, KWIINQUNUNU ZEZIKOLO EZIQHELEKILEYO NEZEZIKOLO EZIZIMELEYO, KWIMIBUTHO NEEMANYANO ZABASEBENZI |
| IZICELO ZOKUQESHWA KWAMAGOSA AMAKISHAYO AZIINTLOKO, AMAGOSA AMAKISHAYO NEEMODAREYITHA ZOVIWO LWENQANABA 4 LWE-ABET (LUKAJUNI NO-OKTOBHA 2008) |
1. |
Kucelwa izicelo kubantu abanqwenela ukuba ngamagosa amakishayo aziintloko (chief markers), amagosa amakishayo (markers) okanye iimodareyitha zeenkalo zezifundo (uluhlu lweenkalo zezifundo luqhotyoshelwe) eziza kuvavanywa ngeeMviwo zikaJuni no-Oktobha 2008 zeNqanaba 4 le-ABET. Aba bantu kufuneka baphumeze iikhrayitheriya ezikumhlathi 2 apha ngezantsi.
|
2. |
Iikhrayitheriya ngokubanzi
2.1 |
Amava okufundisa: Amava afanelekileyo okufundisa, kwakunye namava okufundisa iNqanaba 4 kwinkalo yesifundo echaphazelekayo.
|
2.2 |
Iziqinisekiso zemfundo: Isiqinisekiso esaziwayo sobutitshala seminyaka emithathu.
|
2.3 |
Ulwazi lwenkalo yesifundo
|
|
3. |
Izicelo
3.2 |
Iikopi eziqinisekisiweyo zezatifikethi zemfundo kufuneka zihambe kunye nefom nganye ezalisiweyo. Abenzi-sicelo ebebemakisha ngaphambili, akukho mfuneko yokuba bawangenise la maxwebhu. Ukuba la maxwebhu akahambi kunye nefom yesicelo, eso sicelo asiyi kuqwalaselwa. Akukho mntu uya kwaphulelwa kule miqathango yaye kungayi kubakho mbalelwano iya kuqhutywa nabenzi-sicelo malunga nalo mba.
|
3.3 |
Zonke iifom zezicelo mazisayinwe yinqununu okanye ngumphathi weziko (kwimeko yootitshala), kuze kube ngabalawuli okanye abantu ekugqithiselwe kubo amagunya (kwimeko yeenqununu, abacwangcisi bekharityhulam abakhulu, abacwangcisi bekharityhulam abaziintloko nabacebisi ngezekharityhulam). Iifom ezingasayinwanga ziya kubuyiselwa kubenzi-sicelo.
|
3.4 |
Zonke izicelo mazithunyelwe kule dilesi ilandelayo phambi kowe-25 Apreli 2008. Izicelo ezifumaneke emva kwalo mhla aziyi kuqwalaselwa.
Head: Education
For attention: Ms N.Kanase
Directorate: Examinations Administration
Western Cape Education Department
Private Bag X9114
Cape Town
8000
|
|
4. |
Yonke imibuzo, nokuba ngaba yenziwa ngefoni okanye yebhaliweyo, ingabhekiswa komnye waba balandelayo:
Mnu M Cameron
021 467 2964
i-imeyili: mgcamero@pgwc.gov.za
Nksk NE Kanase
021 467 2009
i-imeyili: nkanase@pgwc.gov.za
Nksk M Buys
021 467 2993
i-imeyili: mbuys@pgwc.gov.za
Ifeksi loLawulo lweeMviwo: 021 461 5628
|
5. |
Intlawulo yokumakisha isifundo ngasinye iza kufumaneka kwakamsinya. Ngalinye igosa elimakishayo eliyintloko, igosa elimakishayo nemodareyitha ejongene nokumakisha kunye/okanye nokumodareyitha amaphepha, iya kutsalelwa irhafu ngokungqinelana noMthetho weRhafu yeNgeniso ka-2002 (Income Tax Act of 2002).
|
6. |
Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala abachaphazelekayo, kwakunye nabo basekhefini. Eli Candelo loLawulo lweeMviwo aliyi kwamkela zigxeko ngenxa yootitshala abangaxelelwanga ngokubhalwe kule ngcaciso imfutshane.
|
ISAYINWE: NGU-AP CLAUSEN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:03:28
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|