1. Le ncwadi Data Handling in the GET Band ihamba kunye nale ngcaciso imfutshane (ethunyelwayo).
2. Le ncwadi ishicilelwe liSebe i-WCED ngesicelo sootitshala ababeye kwiNkomfa yeziSombululo zeMathematika (Mathematics' Solution Conference) ngo-2007. Ababhali, uJackie Scheiber noMeg Dickson, banike iSebe i-WCED ngesihle imvume yokuba lishicilele incwadi yabo ukuze ihanjiswe isiwe ezikolweni.
3. Le ncwadi iya kunceda ootitshala, ngokukodwa abakwisiGaba saBadala (Senior Phase), ekufundiseni i-LO5: ukuSetyenziswa kweDatha. Ootitshala besiGaba esiPhakathi mabafunde imigangatho yovavanyo yeNCS yebakala labo, njengoko ingeyiyo yonke into ebhalwe kule ncwadi eyimfuneko kwisiGaba esiPhakathi.
4. Abacebisi ngezeKharityhulam kwizithili zabo zemfundo baya kuququzelela oomasifundisane bokuxoxa malunga nokubhalwe kule ncwadi. Aba bacebisi ngezekharityhulam balandelayo baya kube beququzelela oomasifundisane:

ISithili seMfundoUMcebisi ngezeKharityhulamIinkcukacha zoqhagamshelwano
CentralAlan Beukes021 659 4314
EastPhillip Lyners021 900 7181
NorthGladstone Foster021 938 3022
SouthTyrone Humphries021 370 2060
Cape WinelandsWesley George023 348 4690
Eden & Central KarooCharles Snyders044 803 8300
OverbergBasil Sakoor028 514 1139
West CoastAndré Lamprecht022 913 2158

5. Isikolo masiqhagamshelane kuphela nomcebisi ngezekharityhulam ochaphazelekayo ukuba asifumananga saziso esisazisa ngalo masifundisane ungadlulanga owe-31 Oktobha 2008.
6. Siyathemba ukuba le ncwadi iya kuba luncedo ekufundiseni ukusetyenziswa kwedatha kwicandelo le-GET.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:08:21


La maxwebhu kubhekiselelwe kuwo njengaqhotyoshelwe kule setyhula, akaqhotyoshelwanga kodwa ayafumaneka njengeekopi ezingelokhutshelo (hard copies).