1. INgcaciso eMfutshane yeKharityhulam yeGET 0007/2008 yayinengcaciso malunga nosuku lwemalike yephondo lwabafundi beeSayensi zoQoqosho noLawulo (Economic and Management Sciences) beSigaba saBadala (Senior Phase).
2. Olu suku lwemalike, obeluza kubange-2 Agasti 2008, ngoku luhlehliselwe kumhla we-16 Agasti 2008, njengoko abaphathi beParow Mall sele benze amalungiselelo nge-2 Agasti okukhuthaza ukuthengwa kweemveliso neenkonzo kumaqonga okubonisa akwiindawo zokuhamba abathengi (walkways) ezikwiziko leevenkile, ngcaciso leyo efunyenwe emva kokuba le ngcaciso imfutshane sele ikhutshiwe.
3. Sicela uxolo kakhulu ngako nakuphi na ukuxhamleka kwenu okungaba kubangelwe koku.
4. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane nokukwingcaciso ekhankanywe apha ngasentla bonke ootitshala abachaphazelekayo nokuba zilixhase eli phulo.
5. Imibuzo ingabhekiswa kuMcwangcisi weKharityhulam oMkhulu we-Economic and Management Sciences, uMnu Jerome Gordon, kule nombolo yefoni 021 467 2566 okanye kule dilesi ye-imeyili:jegordon@pgwc.gov.za


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:06:18