1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED), lisebenzisana ne-The Maths Centre, Umsobomvu Youth Fund, the City of Cape Town neCape Town Regional Chamber of Commerce and Industry, lilungiselele uMhla weMalike wePhondo wabafundi abenza izifundo zeeSayensi zoQoqosho noLawulo kwiSigaba saBadala (Senior Phase).
2. Ziyacelwa zonke izikolo ukuba zingenise ezona zicwangciso zeshishini zazo zibhetele (best business plan), ezithathwe kwezo zeentsuku zemalike ezidlulileyo ezaziqhutyelwe esikolweni, zithunyelwe kuMcebisi ngezeKharityhulam weeSayensi zoQoqosho noLawulo kwi-ofisi yazo yesithili. (Funda uluhlu olungasezantsi.)
3. Ii-ofisi zezithili ziya kukhetha izicwangciso zeshishini zibe zithathu ezisuka kwisithili ngasinye ukuze zithathe inxaxheba kuSuku lweMalike yePhondo, oluya kubanjelwa eParow Mall (eyayisakubizwa ngokuba yiSanlam Shopping Centre) eParow nge-2 Agasti 2008.
4. UMsobomvu Youth Fund unikele ngeqonga nendawo yokubonisa ekwiindawo zokuhamba abathengi (walkways) ezikwiziko leevenkile eya kunikwa ishishini ngalinye elikhethiweyo.
5. Kuya kubakho amabhaso okuwonga abo banezona mbono zezoshishino zibhetele ngolo suku. Iimbono zezoshishino ezintathu ezitshatsheleyo ziya kunikwa ithuba lokubonisa isiveliso okanye inkonzo yazo ngethuba leVeki yaMashishini aMancinane (Small Business Week), eya kusindlekwa yiCity of Cape Town, Department of Economic Development and Tourism neDepartment of Transport and Public Works eCape Town International Convention Centre ukususela nge-21 - 23 Agasti 2008.
6. Izicwangciso zeshishini mazingeniswe kule thempleyithi iqhotyoshelwe apha (isiHlomelo A) kwaba bacebisi ngezekharityhulam balandelayo ungadlulanga owe-20 Juni 2008.

ISithiliUMcebisi ngezeKharityhulam we-EMSIfeksiIdilesi ye-imeyili
Metro CentralMelanie Lewis0216594413mlewis@pgwc.gov.za
Metro EastMadoda Nomtshongwana0219032149mnomtsho@pgwc.gov.za
Metropole NorthPurdon Unthank0219383183punthank@pgwc.gov.za
Metro SouthYolisa Noqodi0213749543yndodi@pgwc.gov.za
Cape WinelandsPortia Kharasi0233426515pkharasi@pgwc.gov.za
Eden & KarooAudrey Jacobs0448733428aujacobs@pgwc.gov.za
OverbergPortia Kharasi0233426515pkharasi@pgwc.gov.za
West CoastRachel Slingers0218725394rslinger@pgwc.gov.za
7. Bayakhuthazwa ootitshala ukuba bavuselele ubuchule babafundi ekucingeni iimbono ezintsha zoshishino malunga neziveliso neenkonzo, ngakumbi xa kuqatshelwa ulwazi lwemveli nobugcisa kwi-performing arts. Ukugxininisa ngokugqithisileyo ekuthengiseni iilekese nokutya kumele ukuba kungabi yonto ikhuthazwayo.
8. Bayakhuthazwa ootitshala ukuba basebenzise ezi ncwadi My Business books ukuncedisa abafundi kule projekthi. Ezi ncwadi My Business books zathunyelwa ezikolweni ngoMeyi 2007. Ziyafumaneka kwiziko lewebhu le-EMS apha http://curriculum.pgwc.gov.za/site/123/page/view/.
9. I-WCED iyathemba ukuba eli phulo liya kukhuthaza abafundi, xa sele beshiya isikolo, ukuba baziqalele awabo amashishini baze, ngokwenjenjalo, bavuselele ukudalwa kwemisebenzi eNtshona Koloni.
10. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo kwaye zilixhase eli phulo.
11. Imibuzo ingathunyelwa kuMcwangcisi weKharityhulam oMkhulu wezifundo zeeSayensi zoQoqosho noLawulo, uMnu Jerome Gordon, kule nombolo yefoni 021 467 2566 okanye kule dilesi yakhe ye-imeyili jegordon@pgwc.gov.za


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:05:20


The following document relates to this Minute.  MS WordŽ is required to view / edit / print this document.
Click on the title below: the document will open in a separate window.  To return to this Minute, close that window.

isiHlomelo A:  Template for business plan  (ubukhulu: 79 KB)