1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lifumene la maxwebhu alandelayo kwiSebe leMfundo likazwelonke:
- National Policy on Assessment and Qualifications for Schools in the General Education and Training Band
- Assessment Guidelines for Foundation Phase: Grades R to 3.
|
2. |
La maxwebhu ma-2 njengangoku afumaneka ngesiNgesi kuphela. Aya kuhanjiswa zii-ofisi zezithili. ngethuba lekota yokuqala ka-2008 kuzo zonke izikolo ezineeklasi zeSigaba seSiseko (Foundation Phase classes) kubandakanywa namaziko e-ECD angawabahlali (community-based ECD sites) aneeklasi zeBakala R ezibhaliswe kwi-WCED.
|
3. |
Ezi zikhokelo zinika ulwazi lokuba ungaphunyezwa njani na umgaqo-nkqubo wovavanyo kwiSigaba seSiseko, xa kuthathelwa ingqalelo imeko engqonge esi sigaba, iimfuno zabafundi nohlobo lokufundisa nokufunda ngale minyaka iyeyona ibalukele ggitha yokufunda kwabantwana into eninzi.
|
4. |
Kunikwe imizekelo yovavanyo oluqhubekayo (continuous assessment). Le mizekelo ibonisa ukuba imisebenzi yovavanyo olwenzelwa eklasini phantsi kweliso likatitshala (formal assessment) ingafakwa njani na ukuba ibe yinxalenye yesicwangciso semihla ngemihla sokufundisa nokufunda, endaweni yokuba ibe yimisebenzi eshwankathelayo eyongezelela ekufundiseni nasekufundeni.
|
5. |
Ziyacelwa iinqununu zezikolo ukuba ziqinisekise ukuba iiNtloko zamaCandelo eSigaba seSiseko ziyayifunda ziyazi yomibini le migaqo-nkqubo ichazwe apha ngasentla kunye nezikhokelo ukwenzela ukuba zibe nako ukuncedisa ootitshala kwisigaba siphela. Kufuneka kulungiselelwe iintlanganiso zezikolo ezisebenzisanayo kunye/okanye oomasifundisane bokuphuhlisa ootitshala ukwenzela ukuququzelela le nkqubo nokwabelana ngezimvo ngokuphunyezwa kwayo.
|
6. |
Kuya kunikwa inkxaso engaphezulu ngabacebisi bezithili beKharityhulam yeSigaba seSiseko.
|
ISAYINWE: NGU-G.R. KOOPMAN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:02:12
|