1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (i-WCED) lifumene olu xwebhu lulandelayo luvela kwiSebe leMfundo likazwelonke:
  • Teaching Reading in the Early Grades: Teacher’s Handbook January 2008.
2. Zonke izikolo ezineSigaba seSiseko kunye nesiPhakathi ziya kufumana iikopi zale ncwadana ingentla kwii-ofisi zezithili zazo. Ezinye iikopi zinoku-odolwa kwa-Edumedia kule nombolo yefoni 021 689 9536 okanye ngokusebenzisa le dilesi ye-imeyili: edumedia@pgwc.gov.za Le ncwadana ikwafumaneka nangekhompyutha apha http://curriculum.pgwc.gov.za. Le ncwadana ibhalwe ngesiNgesi kuphela.

3. Le ncwadana inika ulwazi olunzulu malunga nokuba zinokufundiswa yaye zinokuvavanywa njani izakhono zokufunda ezilula. Iimbono nendlela ezikuyo zinokusetyenziswa nangootitshala beSigaba esiPhakathi abanabafundi abasafunda ukufunda.

4. Kungenzeka ukuba ootitshala beSigaba esiPhakathi bangaziqheli iindlela zokufundisa ukufunda kwakunye nezo zinikwe kule ncwadana. Ngako oko ke ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba bonke ootitshala beSigaba seSiseko nesiPhakathi bayifunda kunye le ncwadana yaye bayancedisana ekutolikeni intsingiselo yamagama nasekuwasebenziseni. Kufuneka ke ngoko iinqununu zicwangcisele iseshoni yophuhliso eyodwa ukulungiselela le njongo.

5. ICandelo leKharityhulam ye-GET liya kubonelela ngoqeqesho kuzo zonke izikolo zephondo, kwithuba elingekude kakhulu (over medium term), malunga nokufundiswa kokufunda usebenzisa indlela ebizwa ngokuba yi-balanced language approach. Le ncwadana iya kusebenza njengesibonelelo sokufunda esongezelelweyo sokusetyenziswa kumasifundisane yaye iya kufuneka xa kuqhutywa oomasifundisane bokufundisa ukufunda.

6. De kube lelo xesha apho isikolo sakho siya kucelwa ukuba size koomasifundisane abalolu hlobo, kucelwa ukuba uyisebenzise le ncwadana ukujonga iimbono eza nazo kwaye uqhagamshelane nabacebisi ngezekharityhulam beSigaba seSiseko kunye nesiPhakathi besithili sakho ukufumana inkxaso engaphezulu.


ISAYINWE: NGU-GR KOOPMAN
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:04:14