1. Inkqubo engesifundo ngamakhondo omsebenzi kumele ukuba ngoku sele isebenza ezikolweni nefanele ukuba ingqinelana nobudala beminyaka beqela labafundi nefanele ukunxibelelana neenkqubo zezifundo ngamakhondo omsebenzi esele ziqalisiwe ezikolweni.
2. Omnye wemiba ekujoliswe kuyo ngokukodwa kwisifundo soLwazi ngezoBomi, enye yeenkalo zezifundo ezisibhozo kwiCandelo leMfundo noQeqesho ngokuBanzi (General Education and Training Band (GET)) kukuqhelaniswa kwabafundi nelizwe lempangelo (orientation to the world of work) (AmaBakala 7-9 eGET). Le nkalo kujoliswe kuyo iya kuqinisekisa ukuba abafundi baya kubanako ukubonisa ulwazi, izakhono neemfundiso ezisisiseko eziyimfuneko ukulungiselela kunye nokuthabatha inxaxheba ngempumelelo kwilizwe lempangelo.
3. Bonke ootitshala kufuneka baqeqeshwe ukuze babe nokuzithemba yaye babe nobuchule ekufundiseni isifundo ngamakhondo omsebenzi abasifundisa abafundi.
4. Kufuneka izikolo kwakhona zixhaswe malunga nokusiwa kwabafundi beBakala 7 kwizikolo ezibafaneleyo ekugxilwe kuzo (focus schools), ukwenzela ukuba imo abayiyo abafundi besikolo ekugxilwe kuso ibonise umoya olawulayo (ethos) weso sikolo sithile kugxilwe kuso.
5. Kuza kubakho ikhosi yoqeqesho kwiprogram yePACE: World of Work eza kwenzelwa ootitshala beBakala 7 boLwazi ngezoBomi abangazange bafumane qeqesho kule program ngaphambili.
6. Kucelwa utitshala OMNYE kwisikolo ngasinye ukuba aye kule seshoni yoqeqesho neya kuba ngoMgqibelo we-15 Matshi 2008 kwiCentre for E-Innovation (CEI), eCape Teaching Institute, Nooiensfontein Road, Kuils River.
7. Le khosi iya kuqala kanye ngqo ngo-8:30 ekuseni ize iphele nge-16:00 ngenjikalanga.
8. Ootitshala abasuka kwizithili zasemaphandleni baya kubuyiselwa ngeendleko zohambo. Ootitshala abanenjongo yokwenza amabango ngezi ndleko mababe nale ngcaciso ilandelayo beze nayo kwindawo eqhubekela kuyo ikhosi:
  • Inombolo yePesali
  • Ubukhulu benjini yesithuthi nonyaka wokwenziwa kwaso
  • Umgama ngeekhilomitha wokusuka esikolweni ukuya kwindawo ekuyo ikhosi
9. Ootitshala abasuka kwizithili zasemaphandleni abafuna indawo yokuhlala mabazenzele amalungiselelo abo. Aba titshala mabangenise amabango abo phambi kokuba bahambe ngosuku lwekhosi.
10. Ziyacelwa iinqununu ukuba zibuyise ngefeksi ifom yobhaliso ezalisiweyo, isiHlomelo A, ziyithumele kuMcwangcisi weKharityhulam woLwazi ngezoBomi, uNksk DJ Christiaans, kule nombolo yefeksi 021 467 2258, ungadlulanga owe-29 Februwari 2008.
11. Ziyakhunjuzwa iinqununu ukuba ukuya kwezi khosi zingasentla kunokuthathelwa ingqalelo xa kuzaliswa i-IQMS katitshala.
12. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi.
13. Kucelwa uqhagamshelane noNksk D Christiaans, uMcwangcisi weKharityhulam oMkhulu woLwazi ngezoBomi (kwi-FET), ngale nombolo yefoni 021 467 2589 okanye ngale dilesi ye-imeyili dchristi@pgwc.gov.za ukufumana ingcaciso engaphezulu.


ISAYINWE: NGU-M. CAMERON
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:02:22

Isihlomelo A  (ubukhulu: 4 KB)