1. Injongo yePhulo leZiseko zoKufunda kukudala umoya okhuthaza ukufunda kwiklasi nganye. Ukuze kuncedwe izikolo ukuba zenze iiklasi zazo zizale yimifanekiso yokufunda exhonyiweyo, iSebe leMfundo leNtshona Koloni libonelela ngeetshathi zodonga zeSigaba esiPhakathi.
2. Kukhethwe iqela leetshathi zodonga ezifikelela kuzo zonke iinkalo zezifundo ziingcali zemfundo ukuze zixhonywe kwiiklasi zamaBakala 4 - 6. Izikolo ezifundisa eklasini amabakala amaninzi (multigrade schools) ziya kufumana iitshathi zodonga eziyi-30, zize ezinye izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo zifumane iitshathi eziyi-60. Ziyi-20 kwibakala ngalinye yaye kufuneka kwabelwane ngazo ziiklasi ukukhuthaza ukufunda ngemifanekiso (visual stimulus).
3. Kule fom iqhotyoshelweyo kucelwa ukuba isikolo sakho sikhethe umthengisi oza kubonelela isikolo sakho ngeetshathi eziyi-30/60 ezikhethwe sisikolo sakho.
4. Ifom yerikhwizishini mayisayinwe yinqununu, inyatheliswe ngestampu sesikolo esisemthethweni ize ingeniswe ngesandla okanye ngokuthunyelwa ngeposi ungadlulanga uMvulo we-24 Novemba 2008, kule dilesi ilapha ngezantsi:

For attention: Ms B Claasen / Ms J Maliqua
Wall Charts Project
Cape Teaching and Leadership Institute
Nooiensfontein Road
Kuils River
7580<
/td>
Ifoni:Tel. 021 467 9334 / 021 900 5011
 

Private Bag X14
Kuils River
7579
5. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba okukule ngcaciso imfutshane kwaziswa iintloko zezifundo ezichaphazelekayo ukuze zikuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU- SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:11:17

isiHlomelo A: "Nomination of book supplier"  (ubukhulu: 11 KB)