1. Le ngcaciso imfutshane ixhasa okukule Ngcaciso eMfutshane 0012/2008.
2. IPhulo leZiseko zoKufunda 2008 - 2011 (Foundations for Learning Campaign 2008-2011) labhengezwa nguMphathiswa wezeMfundo kuzwelonke ngoMatshi 2008 laza laphehlelelwa ngokusesikweni eNtshona Koloni nge-1 Novemba 2008.
3. Eli phulo lihlahla indlela eza kulandelwa kumaBakala 1 - 6 kule minyaka mithathu ilandelayo kwaye licacisa iimfuno ezingundoqo emaziphunyezwe ukuqinisekisa ukuba kuyaqhubeka ukufundisa nokufunda okusemgangathweni. Eli phulo liya kufikelela encotsheni ngokuthi kuqhutywe uvavanyo lukazwelonke ngo-2011 kumaBakala 3 no-6 ukujonga iziphumo zePhulo ekuphuculeni amanqanaba olwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala kubo bonke abafundi baseMzantsi Afrika.
4. Ngokumalunga neli Phulo, iSebe leMfundo kuzwelonke (DoE) liya kukhupha iimvavanyo ezikumgangatho ofanayo (standardised tests) zamaBakala 1 - 6 ukwenzela ukuba kumiselwe imigangatho, kunyuswe amanqanaba okupasa kuze kulungiselelwe izikolo iimvavanyo zikazwelonke zika-2011.
5. ISebe leMfundo kuzwelonke njengangoku lithumela ipasela (pack) yokuqala yovavanyo lonyaka lwamaBakala 1 - 6 ngqo kwii-ofisi zezithili zemfundo neziya kuyidlulisela ezikolweni. Isikolo ngasinye siya kufumana ipasela enye enekopi eprintiweyo ngebakala ngalinye yovavanyo kulwazi lokufunda nokubhala/kwiilwimi kwakunye nenye yolwazi lokubala/ yemathematika (numeracy/mathematics).
6. Ziyacelwa izikolo ukuba zizibhalise ezi mvavanyo ngokwesi sicwangciso silandelayo:

1 Ii-ofisi zezithili zemfundo zisa ezikolweni iipasela zovavanyo apho isikolo ngasinye sinikwa ipasela enye 10 - 12 Novemba 2008
2 Isikolo sicwangcisela ukubhalisa iimvavanyo (senza iikopi size siprintele bonke abafundi bamaBakala 1 - 6) 13 - 14 Novemba 2008
3 Izikolo zifumana ithemplethi yekhompyutha ukuze zifake iziphumo 17 Novemba 2008
4 Izikolo ziqhuba iimvavanyo 17 - 21 Novemba 2008
5 Izikolo zimakisha iimvavanyo 17 - 26 Novemba 2008
6 I-SMT imodareyitha ukumakishwa kwamaphepha 25 - 28 Novemba 2008
7 Ootitshala barekhoda iziphumo baze bazifake ekhompyutheni 17 - 28 Novemba 2008
8 Izikolo zingenisa amanqaku kwi-CEMIS ngekhompyutha 01 - 05 Disemba 2008
9 Ingxelo ngobekuqhubeka (feedback) ithunyelwa ezikolweni) Februwari 2009
7. I-DoE ikhuphe uxwebhu olucacisa injongo yezi mvavanyo noluneempendulo zemibuzo edla ngokubuzwa qho. Olu xwebhu luyafumaneka ekhompyutheni kwiziko lewebhu lecandelo lekharityhulam. Yiya ku: http://curriculum.pgwc.gov.za.
8. Ukuba izikolo zifuna ingcaciso engaphezulu, zicetyiswa ukuba ziqhagamshelane noMphathi weKharityhulam wesithili semfundo.
9. ISebe leMfundo leNtshona Koloni libulela izikolo namagosa athe asabela ikhwelo leli Phulo leZiseko zoKufunda kwaye lijonge ngethemba kwiziphumo eziya kulandela emva kokuphunyezwa kwalo.


ISAYINWE: NGU- SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:11:06