1. Le ngcaciso imfutshane ixhasa iNgcaciso eMfutshane yeKharityhulam 0013/2008 eyayisazisa ngokuPhehlelelwa ngokuseSikweni kwePhulo leZiseko zoKufunda 2008 - 2011 lephondo, neliya kuqhubeka ngoMgqibelo, we-1 Novemba 2008 e-Western Cape Sport School, Nooiensfontein Road, Kuils River, Cape Town.
2. Kungovuyo olukhulu ukuba sibe nokungqina ukuba isithethi sembeko esiphambili iya kuba nguMphathiswa uNaledi Pandor, noya kucacisa ngakumbi iinjongo neemfuno zeli Phulo likazwelonke nelamaphondo.
3. Sifumene intlaninge yezicelo ezivela kwizikolo ezikude zicela ukuba akungebikho ndlela na yokuba zixhaswe ngemali yokuhambo kunye/okanye yendawo yokuhlala.
4. Ngenxa yemihlathi 2 no-3 apha ngasentla, kwakunye nokubaluleka kweli Phulo kwiSebe iWCED, sibe nako ukufumana inkxaso-mali yokubonelela uhambo/indawo yokuhlala kuye ngamnye umthunywa wokwenene (bona-fide delegate) owenza igqiza labameli besikolo saseprayimari sikarhulumente. Kodwa kuya kusebenza le miqathango ilandelayo:
4.1 Amabango entlawulo anokwenziwa kuphela ngokungqinelana nale thebhile ilandelayo nesekelwe kumgama wohambo LOKUYA NOKUBUYA ukusuka esikolweni uye kwindawo ekuza kuqhutyela kuyo ukuphehlelelwa kwePhulo:
UHAMBO LOKUYA NOKUBUYA      ISIXA-MALI KUMNTU NGAMNYE
200 ukuya kwi-299 km        R100-00 kumntu ngamnye
300 ukuya kwi-499 km        R600-00 kumntu ngamnye
500km nangaphezulu          R800-00 kumntu ngamnye
4.2 Ngabathunywa aba-3 abona baninzi begqiza lesikolo ngasinye abanokwenza ibango.
4.3 Ziyacelwa iinqununu zezikolo ukuba zitshekishe ukuba onke amabango ngawabathunywa ngokwenene (bona-fide delegates) begqiza labameli bezikolo zazo nokuba ngaba umgama owenzelwa ibango lentlawulo ngokwenene unjalo na.
4.4 Kuya kufunwa ubungqina bobhaliso nokubakho kwitheko loMphehlelelo.
4.5 Intlawulo iya kufakwa ngomatshini kwi-akhawunti yebhanki yesikolo isisixa esinye salo onke igqiza labathunywa besikolo.
4.6 Kufuneka izikolo zibabuyisele abathunywa imali yabo.
4.7 Amabango entlawulo makazaliswe kwangaphambili (completed in advance) kule fom eqhotyoshelweyo (IsiHlomelo A). Kufuneka le fom kuziwe nayo kwitheko loMphehlelelo ize ingeniswe ngenjongo yokuba itshekishwe ngamagosa abelwe oko kwitafile ebhalwe "Subsidy Claims" (AmaBango eNkxaso-mali). Amabango entlawulo angenisiweyo aya kunyatheliswa ngestampu saseburhulumenteni (officially stamped) apho kwitheko loMphehlelelo. Iifom ezifikiswe kade, ezingachanekanga nezingazaliswanga zonke iinkcukacha AZIYI kuqwalaselwa.
5. Ngenxa yalo mnyinyiva (concession) olapha ngasentla, umhla wobhaliso (registration date) weli theko loMphehlelelo uhlehlisiwe waya kutsho ngo-12h00 nge-31 Oktobha 2008.
6. Eli theko loMphehlelelo linika ithuba elingafani konke namanye kwiinkokeli zezikolo namagosa eSebe iWCED ukuba badibane bonke naBaphathiswa beMfundo bethu kuzwelonke nakwiphondo, kwakunye nabanye abathathi-nxaxheba ababalulekileyo kwezemfundo (important educational stakeholders). Liphulo eli elilodwa nelikhulu ngendlela emangalisayo, neliya kuthi lidibanise izibonelelo zethu kwiphondo liphela.
7. ISebe leMfundo leNtshona Koloni livakalisa umbulelo walo ongazenzisiyo kwizikolo nakumagosa athe aphendula ngokusamkela isimemo. Sijonge ngethemba ekuniboneni xa kuqhutywa iinkqubo zetheko.


ISAYINWE: NGU-P SATYO
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:10:28

Isihlomelo A: "Subsidy claim form"  (ubukhulu: 47 KB)