1. Ukwenzela ukuba uMzantsi Afrika ube nokukhuphisana namazwe ehlabathi jikelele, sifuna izakhono ezifunelwa ngokukodwa ukulungiselela le njongo. Ngako oko ke, kufuneka sisoloko siyijonge ngeliso elibukhali inkqubela kwizakhono zolwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala kwizikolo zaseprayimari. Ngale ndlela siya kukwazi ukunyusa izinga lentsebenzo size siphucule ireyithi yokupasa kwiBakala 12. Ngako oko ke, ngoMgqibelo we-1 Novemba 2008 iSebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED), liya kuphehlelela ngokusesikweni iPhulo leZiseko zoKufunda 2008 - 2011 lephondo, ngokungqinelana nePhulo leZiseko zoKufunda elabhengezwa nguMphathiswa uPandor, ekuqaleni kwalo nyaka.
2. Umxholo weli theko uthi: 'Laying solid Foundations for learning' ('Ukubeka iziseko eziluqilima zokufunda') kwaye eli theko liya kugxininisa kwimiyalezo engundoqo neemfuno eziphambili zeli Phulo enjengale:
  • Izinto ezilindelekileyo ekufundiseni, ekufundeni nakuvavanyo
  • Iindima nemisebenzi yezithili zemfundo, iikomiti zolawulo zezikolo (SMT), ootitshala nabazali
3. Kwiinzame zokwenza konke okusemandleni ukuhlangabezana nemingeni yangoku emalunga nereyithi yokupasa kulwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala, nokuba sibhengeze iinjongo zethu size sigaye inkxaso kubo bonke abachaphazelekayo, simema zonke izikolo eziziiprayimari ukuba zithumele igqiza elenziwa ngabameli abathathu kweli theko lokuphehlelelwa ngokusesikweni kweli phulo abangaba:
  • Inqununu yesikolo okanye isekela layo
  • Utitshala (weBakala 1 ukuya kwiBakala 6)
  • Ilungu lebhunga lolawulo lesikolo
4. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise ootitshala bazo ne-SGB le ngcaciso imfutshane ukuze ziqinisekise ngokukhawuleza ukuba ngoobani na abaya kumela izikolo zabo.
5. Ukubhalisela ukuthatha inxaxheba kweli theko lokuphehlelelwa ngokusesikweni kweli phulo, zalisa isiliphu sempendulo uze usibuyise ungadlulanga owe-22 Oktobha 2008. Kucelwa uqaphele ukuba kuphela ngabameli ababhalisiweyo abaya kulungiselelwa.
6. ISebe iWCED linqwenela ukuvakalisa umbulelo walo kwangoku kuzo zonke izikolo ngenxa yokuzimisela kwazo ekunikeni inkxaso nokubonisa ubunye kweli Phulo linjongo ikukutshintsha nokuphucula umgangatho wokufundisa nokufunda nokuphakamisa amanqanaba olwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala ngokucacileyo kubo bonke abafundi.


ISAYINWE: NGU- SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:10:15

"Invitation to the lauch of  iPhulo leZiseko zoKufunda  (ubukhulu: 311 KB)
ISILIPHU SEMPENDULO  (ubukhulu: 84 KB)