1. |
ISebe leMfundo likazwelonke (DoE) liphehlelele iPhulo leZiseko zokuFunda (Foundations for Learning Campaign) ngoMeyi 2008.
|
2. |
Amaxwebhu
I-DoE njengangoku ithumela la maxwebhu alandelayo ngqo ezikolweni eziseNtshona Koloni:
- Cape: Government Gazette, 14 Matshi 2008, No. 30880: Foundations for Learning Campaign 2008 - 2011
- Foundations for Learning, Assessment Framework: Intermediate Phase
- Foundations for Learning, Assessment Framework: Foundation Phase
- National Reading Strategy Document
|
3. |
Injongo
Eli phulo linika isikhokelo esicacileyo kootitshala beSigaba seSiseko nabeSigaba esiPhakathi ngendlela yokuphucula amanqanaba oLwazi lokuFunda nokuBhala/oLwimi kunye noLwazi lokuBala/lweMathematika lwabafundi babo. Injongo yoku kukwandisa ireyithi yokupasa kwabafundi kuLwazi lokuFunda nokuBhala nakuLwazi lokuBala ukuya kutsho ubuncinane kwi-50% kwibakala labo ngo-2011. Eli phulo likwenza oku ngale ndlela ilandelayo:
- ngokumisela imigqaliselo yekota nganye kwibakala ngalinye kwezi program/nkalo zokufunda zombini;
- ngokunika inkcazo ngokubanzi yezinto ezingaba ziziqendwana zezifundo nexesha elimele ukuchithwa kwinto nganye, umz. kwizibalo zentloko - 10 imizuzu; kunye
- nangokunika ulwazi nezakhono ezimele ukuvavanywa ngumsebenzi ngamnye wovavanyo omiselweyo (formal task assessment) kunye nesixhobo sovavanyo esicetyiswayo.
|
4. |
Inkxaso engamandla (advocacy)
Eli Phulo liza kuphehlelelwa liSebe iWCED nge-1 Novemba 2008. Izimemo sezithunyelwe kuzo zonke izikolo eziziiprayimari ezikweli phondo. Injongo yolu phehlelelo kukuvakalisa umyalezo ophambili weli phulo nokucacisa ngakumbi imisebenzi noxanduva lwabathathi-nxaxheba abaziintlobo ngeentlobo (various role players).
|
5. |
UCwangciso
ISebe iWCED limaxhaphetshu lenza ishedyuli yomsebenzi eneenkcukacha ezininzi nesikhokelo sikatitshala seprogram yokufunda nganye yeSigaba seSiseko nakwinkalo yesifundo nganye yeSigaba esiPhakathi ukuxhasa ootitshala ngokomgaqo-sikhokelo weli Phulo. Ezi shedyuli zomsebenzi ziza kube sezithunyelwe kuzo zonke izikolo ngoJanuwari 2009 kwaye ukwenziwa kwazo bekukhokelwe ngamaxwebhu eFoundations for Learning. Amaxwebhu afumaneka kwikhompyutha (electronic versions) aya kuba nako ukufumaneka xa sele esiya ekupheleni uNovemba 2008 apha http://curriculum.pgwc.gov.za.
|
6. |
Uqeqesho
ISebe i-WCED liya kuqalisa inkqubo yoqeqesho olucwangcisiweyo kwezoLwazi lokuFunda nokuBhala/kwiiLwimi nakuLwazi lweziBalo/lweMathematika kubo bonke ootitshala bamaBakala 1 - 6 kuzo zonke izikolo zikarhulumente. Kwisigaba sokuqala soqeqesho ngo-2009/10 kuya kuthatha inxaxheba kuso izikolo ezingama-250. Ootitshala abavela kwizikolo ezikhethiweyo eziyi-125 baya kuqeqeshwa baze banikwe inkxaso ithuba leminyaka emibini kwikhontenti (content) yoLwazi lokuFunda nokuBhala/yoLwimi nakwindlela yokufundisa (methodology). Abanye kwakhona ootitshala bezikolo abayi-125 baya kuqeqeshwa nabo baze banikwe inkxaso kwikhontenti yoLwazi lokuFunda nokuBhala/yoLwimi nakwindlela yokufundisa. Ezinye izigaba zolu qeqesho ziya kwenziwa ukuqala ngo-2010 kuzo zonke ezinye izikolo zikarhulumente eziziiprayimari.
|
7. |
IZincedisi zokuXhasa aBafundi nooTitshala (LTSM)
Ukuxhasa ukuphunyezwa kweli Phulo, iSebe iWCED liya kubonelela ngale LTSM ilandelayo kuzo zonke izikolo zikarhulumente eziziiprayimari:
- IZikim zokuFunda (Reading Schemes) zamaBakala 1 - 6 kuzo zonke izikolo eziyi-125 ezikhethelwe uqeqesho lootitshala boLwazi lokuFunda nokuBhala/loLwimi. Izikolo ziya kufumana izikim zokufunda ngonyaka apho ootitshala bazo baqeqeshwa kwindlela yokufundisa uLwazi lokuFunda nokuBhala/uLwimi.
- Iitshathi zodonga (wall charts) zamaBakala 4 - 6. Isikolo ngasinye siya kufumana iitshathi zodonga eziyi-60 zizonke o.k.t. zine iitshathi zodonga kwibakala ngalinye kwiMathematika neeLwimi zize zibe mbini kwibakala ngalinye kwezinye iinkalo zezifundo ezintandathu.
- Kuya kongezwa ii-Mental Maths Flipbooks zamaBakala 1 - 6, o.k.t. ezinye iikopi ziya kuthunyelwa ezikolweni ezineeklasi ezininzi zebakala elinye ngo-2008 xa kuthelekiswa no-2005 okanye kwezo i-LoLT yazo iye yatshintsha. Izikolo ezitsha ezazingazange zifumane zincwadi ezizii-flip-books ngo-2005 ziya kufumana isabelo esipheleleyo seeklasi zazo.
|
8. |
Uvavanyo
Uvavanyo lukazwelonke lucwangciselwe bonke abafundi bamaBakala 1 - 6 kulwimi lokufunda nokufundisa (language of learning and teaching) (LoLT) nakuLwazi lokuBala/kwiMathematika. Izithili ziya kuwasa ezikolweni amaphepha ovavanyo. Enye ingcaciso ngenkqubo yovavanyo iya kwaziswa izikolo kungekudala.
|
9. |
ISebe iWCED licela zonke iinqununu, iikomiti zolawulo lwezikolo, ootitshala namabhunga olawulo ezikolo ukuba bonke baxhase ukuphunyezwa kweli phulo. Ithagethi yeyona reyithi yokupasa isezantsi engu-50% ngo-2011 iya kufikelelwa kuphela xa bonke abathathi-nxaxheba abakwisebe lemfundo besebenzisana ukuphucula impumelelo yabafundi kuLwazi lokuFunda nokuBhala nakuLwazi lokuBala.
|
ISAYINWE: NGU-P SATYO
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:10:29
|