IMibuzo: J Sitzer
IFoni: 021 467 2199
IFeksi: 021 467 2258
ISalanthiso: 11/1/1/1/227
20080908-0004
Wes-Kaap Onderwysdepartement
Western Cape Education Department
ISebe IeMfundo IeNtshona Koloni

INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LEKHARITYHULAM YE-GET  0011/2008


IYA:   

KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI, (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI ZEMFUNDO, KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KUBACEBISI NGE-IMG, KWIINGCALI ZEMFUNDO EZIZIINTLOKO, KUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM ABAZIINTLOKO NAKUBACEBISI NGEZEKHARITYHULAM BESIFUNDO SOLWAZI NGEZOBOMI, (LIFE ORIENTATION) NAKWIINTLOKO ZAMAZIKO EMFUNDO E-WCED AFUNDISA AMABAKALA 7


 

USUKU LOKUNXIBA NGOKWAMAKHONDO OMSEBENZI (CAREER DRESS-UP DAY) NGE-8 OKTOBHA 2008


1. ISebe leMfundo kuzwelonke liqalise uSuku lokuNxiba ngokwaMakhondo oMsebenzi i-Career Dress-Up Day, oluya kuba nge-8 Oktobha qho ngonyaka. Kulo nyaka kuya kujoliswa ngakumbi kubafundi beBakala 7.
2. Injongo yoku kukwenza abafundi beBakala 7 babenolwazi ngokubaluleka kokuphonononga amakhondo omsebenzi ukulungiselela ixesha elizayo nokwenza ukuba bacinge ngokuba zeziphi na izifundo ekuya kufuneka bezikhethile kwisikolo esiphakamileyo ukulungiselela amakhondo omsebenzi abo exesha elizayo.
3. Ziyacelwa izikolo ukuba zivumele abafundi beBakala 7 banxibe izinxibo ezibonisa amakhondo omsebenzi abo exesha elizayo nokuba zenze amalungiselelo emisebenzi eya kuvumela abafundi ukuba bancokolelane ngamakhondo omsebenzi abo exesha elizayo kwizifundo zeenkalo ezahlukeneyo ngolu suku. Abafundi kufuneka baveze izakhono zabo babonise amakhondo omsebenzi abo ngendlela elula kodwa enegalelo. Khangela ezi mbono zikuxwebhu oluqhotyoshelweyo.
4. ISebe leMfundo kuzwelonke, ngokusebenzisana neZiko iPace Career Centre, likwaqalise ukhuphiswano lwesincoko kubafundi beBakala 7. Ziyacelwa izikolo ukuba zithumele izincoko zazo ezigqwesileyo ukuze zibe selungelweni lokuwina amabhaso amangalisayo. Ukuba ufuna ingcaciso engaphezului ngolu khuphiswano lwesincoko, qhagamshelana ne-Pace Career Centre apha info@pacecareers.com
5. ISebe leMfundo leNtshona Koloni likhuthaza zonke izikolo ukuba zithathe inxaxheba kweli phulo likazwelonke.
6. Iiphowusta zoSuku lwe-Career Dress-Up Day ziya kuthunyelwa kuzo zonke izikolo ezinabafundi beBakala 7 ukususela nge-20 Septemba 2008. Kucelwa uqhagamshelane ne-ofisi yesithili semfundo yakho ukuba ufuna ingcaciso engaphezulu.
7. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi beBakala 7.


ISAYINWE: NGU-S M NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:09:10


Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000
Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano
Safe Schools: 0800 45 46 47
CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22

La maxwebhu alandelayo abhekisele kule kwingcaciso.
Sebenzisa i-Adobe Acrobat ReaderĀ® ukuwafunda okanye ukuwaprinta.
Klikha kwisihloko esingezantsi:  uxwebu luya kuvula i-Acrobat ReaderĀ® apho unokugcina okanye uprinte ikopi.
Ukubuyela kule kwingcaciso, klikha kwi logo ye-WCED Online ephezulu kwesi sikrini.
Isihlomelo  (ubukhulu: 17 KB)