1. IsiCwangciso soLwazi lokuFunda nokuBhala noLwazi lokuBala seSebe iWCED siyimpendulo kumanqanaba asezantsi ngokubanzi olwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala aye aqatshelwa. Ngokwesi sicwangciso, iSebe iWCED liye lathatha iqela lamanyathelo ongenelelo ngoncedo, elinye lawo ekuluvavanyo lwabafundi beBakala 3 qho emva konyaka ukujonga amanqanaba olwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala kwiphondo, kwisithili semfundo nakuninzi lwezikolo zaseprayimari. Ucazululo (analysis) lwendlela abaphumelele ngayo abafundi esikolweni lwenzelwa ukuba lunike ootitshala nabasebenzi abanika inkxaso ulwazi lokuqonda ukuba baqhuba njani abafundi kwisikolo ngasinye malunga nokuphuhlisa izakhono zabo zolwazi lokufunda nokubhala nolwazi lokubala kunye nokubanika inkxaso efanelekileyo.
2. Iimvavanyo ezintathu zeBakala 3 zaqhutywa ngo-2002, 2004 nango-2006. Iziko ledatha lemibuzo yeBakala 3 ngoku landisiwe ngoovimba bemisebenzi yovavanyo emibini (by two item banks), ukuze ngokwenjenjalo kubonelelwe neminye imisebenzi yovavanyo engaphezulu yomgangatho ofana ncam. ISebe iWCED ke ngoko linako ukukhupha iqela lemisebenzi yovavanyo (eqhotyoshelweyo) ukwenzela ukunika ootitshala ulwazi ngohlobo, ikhontenti nefomathi (format) yemibuzo efakwe kuvavanyo lwephondo. Kwimizekelo yoLwazi lokuBala, kukhethwe imisebenzi yovavanyo efanayo ukususela kwiBakala 1 ukuya kwiBakala 4. Kwimizekelo yoLwazi
3. lokuFunda nokuBhala, imisebenzi eyahlukileyo ithagetha (target) amaBakala ahlukeneyo, okuthi ke oko kubonise inkqubela.
4. Injongo yokukhupha le misebenzi AYIKOKUBA ootitshala mabafundise le misebenzi yovavanyo ngokwenza imisebenzi engangqinelaniyo neemeko ezingqongileyo negxininisayo (de-contextualised, drill type exercises). Le misebenzi yenzelwe ukubonisa ootitshala ukuba iimvavanyo zivavanya iziphumo zokufunda zeNkcazo yeKharityhulam kaZwelonke nokuba zithi ngokuhlangabezana ngokupheleleyo nolwazi, iimfundiso ezisisiseko neendlela zokucinga ezikwikharityhulam iphela, kwimeko ekugxininiswa kuyo intsingiselo, ootitshala babe nakho ukubalungiselela ngokwaneleyo abafundi babo umjikelo olandelayo wovavanyo.
5. Amaziko emfundo nemibutho engekho phantsi kweSebe iWCED ingayisebenzisa le misebenzi, ukuba ngaba ayizi kwenza nzuzo ngayo kwaye icacise gca ukuba iyifumene phi na ngokubhala umvelisi wayo.
6. Iya kuthakazelelwa kakhulu ingxelo ngokuqhubekayo (feedback) evela nakuwuphi na umsebenzisi wale misebenzi (user) yaye inokuthunyelwa kuMphathi wezeKharityhulam kwi-ofisi yesithili semfundo okanye kuMlawuli weKharityhulam yeGET. ISebe iWCED linqwenela ukubulela ezo zikolo nootitshala abaya kusebenzisa esi sibonelelo ukuhlangabezana nemingeni yekharityhulam ebalulekileyo nophuhliso. Kucelwa uqhagamshelane nomcebisi ngezekharityhulam wakho weSigaba seSiseko ukuba ufuna iingcebiso nenkxaso engaphezulu.


ISAYINWE: NGU-S M NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:09:19

Izibalo  (ubukhulu: 23 KB)
ULwazi lokuFunda nokuBhala  (ubukhulu: 143 KB)