1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (i-WCED) lisigqibile iSigaba 1 sokwenziwa kwe-inventri yayo ekwikhompyutha nge-20 Matshi 2008 kwaye seliqalisile ngeSigaba 2.
2. KwiSigaba 2 akuyi kubakho ndlela yokuba kufakwe nayiphi na idatha kwi-inventri ekwikhompyutha.
3. Iikhweshine nee-inventri ezizalisiweyo kodwa zibe zingekathunyelwa kwiSebe i-WCED mazigcinwe ke ngoko ezikolweni.
4. Emva kweSigaba 2, zonke izikolo ze-WCED ziya kuba nako ukufikelela kwi-inventri ekwikhompyutha. Izikolo ezingekazingenisi iikhweshine nee-inventri zazo ezizalisiweyo ziya kunikwa ithuba lokuzifakela ngokwazo idatha yazo ekhompyutheni.
5. I-WCED ibulela bonke abachaphazelekayo ngentsebenziswano yabo.
6. Uyacelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane ootitshala abafundisa iFizikhali Sayensi.


ISAYINWE: NGU-P SATYO
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:04:18