1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni linovuyo ukubhengeza ukuba liza kuba noMbhiyozo woLwimi lwesiNgesi wephondo nge-16 nange-17 Meyi 2008 wootitshala besiNgesi kumaBakala 10 - 12.
2. Lo mbhiyozo ulungiselelwe ngokubambisana nootitshala abasenkonzweni kunye nezinye iingcali zeelwimi kwiphondo lethu.
3. Njengoko lo mbhiyozo ujolise ekubhiyozeleni ukufundiswa kwesiNgesi, kucwangciswe iindidi ngeendidi zemiboniso yezifundo. Abaza kwenza inkcazo-ntetho baya kwabelana ngeendlela zabo nangezakhono zokufundisa nokuphuhlisa izakhono zolwazi lokufunda nokubhala. Izihloko zabo ziya kuquka isakhono sokubhala, ukufundiswa koncwadi nezifundo zolwimi kumanqanaba ahlukeneyo.
4. Iinkcukacha ngalo mbhiyozo zezi zilandelayo:

Indawo:  Parow High School
Ixesha lokubhalisa:  12:30 ngoLwesihlanu, 16 Meyi 2008
Ixesha lokuqala: 13:00


5. Iseshoni yomntu wonke ngoLwesihlanu, 16 Meyi iya kulandelwa ziiseshoni ezimbini zenkcazo-ntetho netheko lokukhuthaza ukwazana nokuqinisa amakhonkco onxibelelwano neliya kuphela ngo-18:00.
6. Kucelwa uqaphele ukuba ngoMgqibelo, 17 Meyi, inkqubo iya kuqala ngo-08:30 ize iphele ngo-13:00.
7. Umhla wokuvala ukubhalisa nguLwesithathu, 30 Apreli 2008. Ukuze ufumane iprogram nefom yokubhalisa, qhagamshelana nomcebisi ngezeKharityhulam wesiNgesi kwi-ofisi yesithili yakho.
8. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-R SMITH
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:04:23