1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lenze esi sikhokelo ukuncedisa abafundi beBakala 9 ekukhetheni izifundo zeBakala 10.
2. Esi sikhokelo siya kunika abafundi beBakala 9 ingcaciso emalunga namakhondo ngamakhondo kwaye injongo yaso kukunika ulutsha inkxaso ekwenzeni izigqibo malunga namathuba okufunda ngaphaya kweBakala 12.
3. Ingcaciso ekule ncwadana imalunga neemfuneko zokuQhelwanisa neLizwe leMpangelo (Orientation to the World of Work), esiSiphumo sokuFunda 5, kwisifundo soLwazi ngezoBomi se-NCS kwiCandelo leGET, nesiSiphumo sokuFunda 4, aMakhondo oMsebenzi noKukhetha aMakhondo oMsebenzi (Careers and Career Choices), kwisifundo soLwazi ngezoBomi kwiCandelo leFET.
4. Ngasinye isikolo esiphakamileyo siya kufumana iikopi eziyi-150 zale ncwadana, nemazinikwe abafundi beBakala 9.
5. Ezi ncwadana ziya kuziswa kwii-ofisi zesithili ukususela nge-1 Matshi 2008 kwaye kufuneka ziye kuthathwa kuMcebisi ngezeKharityhulam weSifundo soLwazi ngezoBomi.
6. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okukule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beSifundo soLwazi ngoBomi ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-P. SATYO
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:02:22