1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) likubona kubalulekile ukuba zonke izikolo zibe neshedyuli yomsebenzi weeveki eziyi-37 ukuqinisekisa ukufundisa nokufunda ngendlela eyiyo eziklasini ngo-2008.
2. Oku kulandelayo sisicatshulwa esithathwe kwiSIKHOKELO SEPROGRAM YOKUFUNDA (LEARNING PROGRAMME GUIDELINES) esikhutshwe liSebe leMfundo likaZwelonke:

"It is recommended that the teachers of a subject at a school or cluster of schools first put together a broad subject outline (Subject Framework) for the three grades to arrive at an understanding of the content of the subject and the progression which needs to take place across the grades…. Thereafter, teachers teaching the same grade need to work together to develop a year long Work Schedule for their subject. The Work Schedule should indicate the sequence in which the content ... will be presented for the subject…. Finally, individual teachers should design Lesson Plans using the grade-specific Work Schedule as the starting point. (LPG, p. 4)

"Kucetyiswa ukuba ootitshala besifundo esikolweni okanye kwizikolo ezisebenzisanayo (cluster of schools) baqale benze isikhokelo esibanzi sesifundo (soMgaqo-sikhokelo weSifundo) (Subject Framework) samabakala omathathu ukwenzela ukuba bakwazi ukuyiqonda ikhontenti yesifundo nenkqubela ekupaseni ekufuneka kwenzeke kuwo onke amabakala… Emva koko, ootitshala abafundisa ibakala elinye mabasebenzisane benze iShedyuli yomSebenzi (Work Schedule) yesifundo sabo yonyaka wonke. IShedyuli yomSebenzi imele ukubonisa ulandelelwano lwendlela eza kufundiswa ngayo ikhontenti yesifundo eso... Okokugqibela, elowo nalowo utitshala makenze iziCwangciso zeZifundo (Lesson Plans) esebenzisa iShedyuli yomSebenzi njengento asusela kuyo. (LPG, p.4)

3. Amaxwebhu okubonisa isantya sokufundisa (pacesetters) amaBakala 10 - 12 athunyelwa kuzo zonke izikolo ngoNovemba 2007. Wona asebenza njengemizekelo yendlela emayilandelelane ngayo ikhontenti kwaye abandakanya zonke iziphumo zokufunda ezichaphazelekayo nemigangatho yovavanyo. Yiloo nto ke la maxwebhu okubonisa isantya sokufundisa anokusetyenziswa njengeeshedyuli zomsebenzi.
4. Kuqhotyoshelwe apha (njengesiHlomelo A) ikhweshine engokumalunga neeshedyuli zomsebenzi zamaBakala 10 - 12 yazo zonke izifundo. Ziyacelwa iinqununu ukuba zincede ziqinisekise ukuba le khweshine izaliswa ngootitshala abaziintloko zezifundo okanye ngootitshala abaziintloko zamasebe esikolweni ize ibuyiselwe kwaNdlunkulu ungadlulanga owe-27 Februwari 2008 ukuba iqwalaselwe nguMnu CR Smith, ngale dilesi ye-imeyili: crsmith@pgwc.gov.za okanye ifekselwe apha: 021 467 2620.


ISAYINWE: NGU-P. SATYO
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:02:18

ISIHLOMELO A:  Ukutshekishwa kokufumaneka kweeshedyuli zomsebenzi ezikolweni  (ubukhulu: 7 KB)