1. ISimpoziyam ye-LOK yenziwe yantsha ku-2009! Imiba esingethwe yi-LOK itshintshile (yaze yaphuculwa) kakhulu ukususela ekubeni kubekho intsebenziswano nge-16 Septemba 2008 ne-SBA (Stigting vir Bemagtiging deur Afrikaans) njengomxhasi ngemali oyintloko ngo-2009. Ngako oko ke kungovuyo olukhulu ukuba ngokwenjenje i-Letterkundeondersteuningskomitee (LOK) ibe imema bonke ootitshala beAfrikansi babafundi beBakala 12 ukuba baye kwisimpoziyam ka-2009, eya kwenzelwa kwiYunivesithi yaseNtshona Koloni ngoLwesihlanu, we-20 Februwari 2009, ukususela ku-12:30 - 17:45 nangoMgqibelo, we-21 Februwari 2009, ukususela ngo-9:00 - 13:00.
2. Eyona njongo ephambili yale simpoziyam kukuxhasa ukufundiswa koncwadi, kodwa kuya kubakho kwakhona ukugxininisa kwamanye amacandelo anjengokuthetha nokubhala. Izifundo ngefilim ziya kuqwalaselwa ngokukodwa kule simpoziyam ka-2009 nalapho kuya kube kukho uLeon van Nierop njengoya kwenza ingcaciso-ntetho (presenter). Iprogram yesimpoziyam yokubambisa (provisional programme) seyifumaneka kwiziko lewebhu le-Afrikansi kwi-FET (http://curriculum.pgwc.gov.za), yaye indawo yayo iya kuthathwa yiprogram yokugqibela (final programme) nge-2 Februwari.
3. Imali yobhaliso kwisimpoziyam ka-2009 yi-R50,00 umntu ngamnye. Abantu abanomdla bangadipozitha esi sixa-mali kwi-akhawunti yetshekhi (cheque account) ye-SBA kwa-ABSA. Inombolo ye-akhawunti yile 550145847, ize ikhowudi yesebe ibe yile 506009. Iitshekhi mazibhalwe oku Stigting vir Afrikaans. I-SBA iya kuthi, kwixa elizayo, iwasingathe ngokwayo amalungiselelo olawulo nawokulungiselela iSimpoziyam ye-LOK.
4. Abo baza kuba ngabathathi-nxaxheba mabazalise ifom yobhaliso ekwafakwe apha (isiHlomelo A) ekufuneka ithunyelwe ngefeksi, ihamba kunye nobungqina bentlawulo, kulo Nks Christine Francke we-SBA kule nombolo 021 481 8332 ungagqithanga owe-3 Disemba 2008. Ababhalise emva kwexesha elisikiweyo abasayi kwamkelwa. (Inombolo yefoni ye-SBA yile 021 481 8304.)
5. Kukwafakwe apha ifom yoku-odola (isiHlomelo B) amaxwebhu e-LOK azizikhokelo zokunika inkxaso ekufuneka azaliswe ngootitshala abe sele ethunyelwa ngefeksi kuChristine Francke kule nombolo ilapha ngasentla. La maxwebhu azizikhokelo aya kufumaneka kuphela ekhompyutheni. Incwadana (brochure) enezicatshulwa ezithathwe kula maxwebhu azizikhokelo iya kusiwa ezikolweni ngoJanuwari 2009.
6. Amaxwebhu e-LOK azizikhokelo zokunika inkxaso abhalwe njengamaxwebhu ancedisa ingcaciso eseyifumaneka kwiincwadi ezimiselweyo (prescribed books), kwaye ajolise ekuphumezeni ngokwenene i-NCS eklasini. Lusaqulunqwa uxwebhu olusisikhokelo sikatitshala nomfundi ngencwadi nganye emiselweyo yeBakala 12 kuwo omathathu amanqanaba eelwimi (HL, FAL, SAL). I-CD, ekukho kuyo uxwebhu olusisikhokelo sikatitshala nesomfundi, iya kufumaneka ngencwadi nganye kwaye inoku-odolwa nge-R50 i-CD nganye. Ifom yoku-odola mayithunyelwe ngefeksi kunye nefom yobhaliso kuChristine Francke ungagqithanga owe-3 Disemba 2008.
7. Ukuqinisekisa ukuba amalungiselelo eSimpoziyam ye-LOK aqhuba kakuhle, bayacelwa ootitshala ukuba bayithobele imihla esikiweyo.
8. Kucelwa wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane kubo bonke abo bachaphazelekayo.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:11:14

isiHlomelo A: "Registrasievorm"  (ubukhulu: 18 KB)
isiHlomelo B: "Bestelvorm"  (ubukhulu: 23 KB)