1. Kwiimviwo zangaphambili, abaviwa ababebhala iHarmony and Composition baba nako ukusebenzisa isixhobo somculo ngethuba lokuqhubeka kokubhalwa kwephepha.
2. Abaviwa boviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke bangacela ukuba babe nako ukusebenzisa okwethutyana nje isixhobo somculo kodwa phantsi kolawulo.
3. Umgadi oyintloko wabaviwa makakhaphe umviwa aye kwigumbi elilodwa lomculo kangangethuba lemizuzu emi-5 ukuya kweli-10.
4. Utitshala womculo akayi kuvunyelwa ukuba angene kweli gumbi.
5. Umviwa lowo makasuphavayizwe njengoko kukhankanyiweyo kwi-National Policy on the Conduct, Administration and Management of the National Senior Certificate, epapashwe kwiGazethi No. 30048 ye-6 Julayi 2007.
6. Siyanibulela ngenkxaso nentsebenziswano yenu.


ISAYINWE: NGU- P SATYO
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:10:31