1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (Western Cape Education Department (WCED)) liqulunqa i-inventri ye-Physical Sciences ngekhompyutha nelinokuthi ngayo lifumane idatha enokuxhasa iinjongo zalo kwizikolo ezifundisa i-Physical Sciences. Ngenxa yoku, zonke izikolo zeWCED ezifundisa i-Physical Sciences ziya kugcina i-inventri yestokhwe sazo zize zimana kuyihlaziya qho ngokusebenzisa ikhompyutha.
2. Kwingcaciso eMfutshane yeCandelo loPhuhliso lweKharityhulam 0078/2007, iSebe iWCED lacela izikolo ukuba zivakalise ukuba zisebenza njani na iilebhu zesayensi zazo ngokuthi zizalise ikhweshine ne-inventri ye-Physical Sceinces. Umhla wokuvalwa kokungeniswa kwaloo khweshine ne-inventri wawuyi-1 Novemba 2007.
3. ISebe iWCED livakalisa umbulelo kwezo zikolo zaphendula ungagqithanga lo mhla wokuvala.
4. Ngelishwa ezinye zeempendulo azikhange zamkeleke ngenxa yezi zizathu zilandelayo:
4.1 Kwangeniswa kuphela ikhweshine ezaliswe ngokupheleleyo
4.2 Kwangeniswa kuphela i-inventri yePhysical Science ezaliswe ngokupheleleyo
4.3 Istokhwe esikhoyo saboniswa kuphela ngeetikhi (v) okanye ngeedeshi (-)
5. Umzekelo wokuba izaliswa njani na ikhweshine ne-inventri ufumaneka kule dilesi: http://curriculum.pgwc.gov.za/site/52/page/view. Ikopi yekhompyutha (electronic copy) yeNgcaciso eMfutshane yeCandelo loPhuhliso lweKharityhulam 0078/2007 ifumaneka nayo kwakweli ziko lewebhu kunye noluhlu lwezikolo ezamkelwayo iikhweshine nee-inventri zazo. Izikolo ezikhweshine kunye/okanye zi-invetri zazo zingazange kwamkelwa kucelwa ukuba zizilungise kwakhona zize ziphinde zizingenise.
6. Zonke izikolo ezingekaphenduli ziyacelwa ukuba zincede zizingenise ngokukhawuleza iikopi zazo eziprintiweyo zeekhweshine nee-inventri kwiSebe iWCED phambi kwe-25 Februwari 2008. Iikhweshine nee-inventri ezigqityiweyo mazithunyelwe apha:
Head: Education
For Attention: Mr Don Francis
Western Cape Education Department
Room 831
Grand Central Towers
Private Bag X9114
Cape Town 
8000
7. Mayigxininiswe kwakhona into yokuba iSebe iWCED lifuna kuphela ikopi eprintiweyo yekhweshine neye-inventri yePhysical Science zesikolo ngasinye nezizaliswe ngokupheleleyo. Ezi kopi mazizaliswe ngokuchanekileyo.
8. Kwezo zikolo ziphenduleyo, iSebe iWCED liyakuthakazelela oko kwaye licela uxolo nangakuphi na ukungaqondakali ncam koko belikufuna.


ISAYINWE: NGU-P. SATYO
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:02:13