1. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lenza iprojekthi eyodwa yokubonelela nge-software (ArcView 3.3) yokufundisa i-Geographical Information Systems (GIS) kuzo zonke izikolo ezikwi-WCED ezifundisa iJografi njengesifundo kumaBakala 10, 11 nele-12.
2. Le software iya kufakwa kwithuba elisusela kwi-6 Oktobha 2008 ukuya kutsho kwi-15 Februwari 2009.
3. U-GIMS, ongumboneleli-nkonzo, uya kwenza kwakhona uqeqesho lootitshala ekusetyenzisweni kwale-software, ngeseshoni yoqeqesho eentsuku-mbini eya kuququzelelwa kwisithili ngasinye ngale mihla ilandelayo:

I-OFISI YESITHILI SEMFUNDO UMHLA
Metro East and Metro North 12 - 13 Januwari 2009
Cape Winelands and West Coast (Worcester) 14 - 15 Januwari 2009
Metro South and Metro Central 15 - 16 Januwari 2009
Eden & Central Karoo ne-Overberg (Oudtshoorn) 13 - 14 Januwari 2009
4. Ngootitshala ababini beJografi be-FET kwisikolo ngasinye baya kufumana uqeqesho. Bayacelwa ootitshala ukuba baye kwezi seshoni zoqeqesho. Ingcaciso emfutshane yophuhliso lwekharityhulam iza kuthunyelwa ezikolweni kungekudala ineengcombolo zeendawo zokuqhubela uqeqesho kunye namaxesha eeseshoni zoqeqesho.
5. Abacebisi ngezekharityhulam abakwizithili ngezithili baya kuququzelela le projekthi. Iingcombolo zabo zoqhagamshelwano zezi zilandelayo:

I-ofisi yesithili semfundo nedilesi yeposi Ifeksi Ifoni Umcebisi ngezekharityhulam
Metropole Central PO Box X4, Athlone, 7764 021 659 4413 021 659 4324 Penny Liknaitzky
Metropole South Private Bag X2, Mitchell's Plain, 7785 021 372 1856 021 370 2000 Najoewa Awaldien
Metropole North Private Bag X14, Bellville, 7535 021 9383183 021 938 3000 Wilma McPherson
Metropole East Private Bag X13, Sanlamhof, 7580 021 903 2149 021 900 7194 Mutile Qezo
Overberg Durban Rd, Worcester 023 342 4138 023 348 4600 Vernon Munnik
Cape Winelands Durban Road, Worcester 023 342 4138 023 348 4600 Vernon Munnik
Eden & Karoo Private Bag X6510, George, 6530 086 512 7752 044 803 8300 Malcolm Damons
West Coast
Paarl
021 860 1231 021 860 1233 Lorna McPherson
6. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise bonke ootitshala beJografi le ngcaciso ukuze bayithathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU- SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:11:14