1. INgcaciso eMfutshane yoPhuhliso lweKharityhulam ye-FET DCF 0018/2008 ye-4 Juni 2008 yanika izikolo ikhathalogu yamvanje yeencwadi zezifundo ezivunywe kwizwelonke zamaBakala 10 - 12 ngo-2009.
2. Njengoko kukhankanyiwe kwiNgcaciso eMfutshane yoPhuhliso lweKharityhulam ye-FET DCF 0026/2008, zonke iincwadi zezifundo zeBakala 10 ezikule khathalogu ziye zahlaziywa zaza zenziwa zangqinelana neZikhokelo zoVavanyo lweZifundo (Subject Assessment Guidelines (SAGs)) kunye neZikhokelo zeeProgram zoKufunda (Learning Programme Guidelines (LAGs)) zamvanje.
3. Ngenxa yeenguqu ezikwikharityhulam yeBakala 10, iSebe leMfundo kuzwelonke licebise ukuba izikolo zizi-odole iincwadi zezifundo zeBakala 10 ukulungiselela u-2009 kule khathalogu intsha yaye kwiNgcaciso eMfutshane yoPhuhliso lweKharityhulam ye-FET DCF 0026/2008, izikolo zayalelwa ukuba zenze iirikhwizishini zeencwadi zezifundo ezimbini (two textbooks) zabafundi bazo beBakala 10. Enye yezi ncwadi zimbini kwakufuneka ibe yeye-Life Sciences.
4. Ukongeza kwiincwadi zezifundo ezimbini esele zikhankanyiwe apha ngasentla, iSebe leMfundo leNtshona Koloni liza kubonelela kwakhona ngeencwadi zezifundo ezi-5 kumfundi ngamnye okwiBakala 10, ukwenzela ukuba umfundi ngamnye abe nencwadi yesifundo ekule khathalogu kuso ngasinye sezifundo zabo ezizezinye. Kukwaqhotyoshelwe apha ikhathalogu yeencwadi zezifundo ezivunyiweyo zazo zonke izifundo zamaBakala 10 - 12 ngo-2009.
5. Kufuneka izikolo ziyisusele i-odolo yazo kwinani labafundi elibhalisileyo ngoku kwiBakala 10 nangendlela ezahlulwe ngayo izifundo (subject split). Mazi-odole incwadi enye esisikhokelo sikatitshala ngeencwadi zezifundo eziyi-35 ezi-odolweyo.
6. Iifom zerikhwizishini mazisayinwe yinqununu nangusihlalo wekomitana yeencwadi (chairperson of the books subcommittee) zize zigximfizwe ngestampu sesikolo esisemthethweni. Iifom zerikhwizishini mazingeniswe ngokusiwa ngesandla okanye ngokuposwa engadlulanga uLwesine we-25 Septemba 2008, kule dilesi ilapha ngasezantsi:
For Attention: Ms J Maliqua / Ms S Solomons
Tel 021 900 5011
Grade 10 Special Project (5 additional textbooks)
Cape Teaching and Leadership Institute (CTLI)		
Nooiensfontein Road/Private Bag X14
Kuils River
7580
7. Ziyacelwa iinqununu ukuba ziqinisekise ukuba okukule ngcaciso imfutshane kwaziswa zonke iintloko zezifundo ezichaphazelekayo ukuze zikuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:09:18

Grade 10 catalogue  (ubukhulu: 129 KB)
Grade 11 catalogue  (ubukhulu: 333 KB)
Grade 12 catalogue  (ubukhulu: 330 KB)
Requisition form  (ubukhulu: 18 KB)