1. ISetyhula 0011/2008 imalunga nemisebenzi yovavanyo eyenziwayo (practical assessment tasks (PATs)) yeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ngo-2008 (kwiBakala 12).
2. Umhlathi 3.3 wale setyhula ikhankanywe apha ngasentla ucacisa uthi imisebenzi yovavanyo eyenziwayo (PATs) ye-Computer Applications Technology ne-Information Technology yenza i-25% yamanqaku ewonke okupasa/okufumana isatifikethi kwizifundo ezo zichaphazelekayo.
3. Isikhokelo sovavanyo lwesifundo (subject assessment guidelines) sazo zozibini ezi zifundo sicacisa ukuba i-PAT iyinxalenye yovavanyo kwaye imele ukwenziwa rhoqo ngokungqinelana nemihla esikiweyo yokugqitywa kwesigaba ngasinye se-PAT.
4. Ngokomhlathi 4(8) weSahluko 3 salo mgaqo-nkqubo National Policy on the Conduct, Administration and Management of the National Senior Certificate: A qualification at Level 4 on the National Qualifications Framework (NQF), njengoko upapashwe kwiGazethi kaRhulumente, Vol. 505 (No. 30048 yomhla we-6 Julayi 2007) ukungabikho kwamanqaku ovavanyo oluqhutywa ngaphakathi esikolweni, kuya kukhokelela ekubeni umviwa wesifundo esithile afumane iziphumo "ezingaphelelanga". Oku kunjalo ngokwenene ngokumalunga nokungabikho kwamanqaku ovavanyo lwemisebenzi eyenziwayo (PAT) kwi-CAT nakwi-IT.
5. Izikolo/ootitshala abafundisa iComputer Applications Technology kunye/okanye i-Information Technology njengenxalenye yeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ngo-2008 mabangenise iSummary Recording Sheets ye-PAT nemisebenzi yovavanyo oluqhutywa sisikolo, (school-based assessment (SBA)) ngomhla okanye phambi kwe-17 Oktobha 2008 kumagosa abo anika inkxaso kwezekharityhulam njengoko kubonisiwe kule thebhile ilapha ngasezantsi. Imihla esikiweyo yabafundi yokungenisa izigaba zokugqibela zemisebenzi yovavanyo eyenziwayo (PAT) mayibe ngaphambi kweli xesha ukwenzela ukuba ootitshala babe nokuvavanya izigaba ezifanelekileyo zemisebenzi yovavanyo eyenziwayo (PAT). (Qaphela: Ukumodareyitha kuya kuqhutywa ngendlela engqinelana nemida yee-EMDC zexesha eligqithileyo):

lezeKharityhulamIsifundoIZithili zeMfundoIdilesi ye-imeyiliInombolo yefeksi
Ighsaan FrancisITZonke iZithili zeMfundoifrancis@pgwc.gov.za086 691 6176
Ighsaan FrancisCATEden & Central Karooifrancis@pgwc.gov.za086 691 6176
Patrick FransCATNorth and Central Metropolespfrans@pgwc.gov.za021 938 3183
Chantal LewisCATWest Coast, Metropoles East and Southchlewis@pgwc.gov.za021 903 2149
Yaroslav KudiyarovCATCape Winelands, Overbergykudyaro@pgwc.gov.za023 342 4140

6. Ngokwenjenje kuyalelwa iintloko zawo onke amaziko alungiselela abaviwa abenza i-CAT kunye/okanye i-IT yoviwo lweSatifikethi seMatriki sikaZwelonke ngo-2008 ukuba zazise ngencwadi ebhaliweyo abaviwa abakhankanyiweyo nabazali babo umhla osikiweyo wokungeniswa kwemisebenzi yabafundi yovavanyo eyenziwayo (PAT) nemisebenzi yovavanyo oluqhutywa sisikolo (school-based assessment (SBA)), njengoko umiselwe sisikolo. Isaziso esilolu hlobo esithunyelwa ebazalini kufuneka sibe necandelo (iphetshana lokuphendula okanye into efana naleyo) apho abazali kufuneka bavume ukuba basifumene isaziso eso.
7. Eli phetshana lokuphendula likhankanywe apha ngasentla lokuvuma ukuba basifumene isaziso eso malifayilishwe njengobungqina besaziso sokubazisa okubhalwe kule ngcaciso imfutshane.
8. Kucelwa ukhululeke, ukuba ngaba ufuna ukucaciselwa, uqhagamshelane noMnu I Francis kule nombolo yefoni 021 467 2549 okanye ngale dilesi ye-imeyili: ifrancis@pgwc.gov.za.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:09:12