1. ISebe leMfundo likazwelonke (DoE), liqalise iprojekthi enkulu yokuncedisa abaviwa beBakala 12 kuviwo lwabo lwangoNovemba 2008.
2. Inxalenye yale program ibandakanya ukuveliswa nokusiwa ezikolweni kwe-Study Mate.
3. Ushicilelo lokuqala lwamakhasi ayi-48 e-Study Mate seBakala 12 sele lwenziwe zaza ezo ncwadana zathunyelwa kuzo zonke izikolo, oko kusenziwa ngokusebenzisa ii-ofisi zezithili zemfundo. Kwakuba kwenziwe ushicilelo lwesibini nolokugqibela, ezo ncwadana ziya kuthunyelwa ngoSeptemba 2008.
4. I-DoE iphinde yaqalisa kwakhona iphulo kumajelo eendaba lokuqinisekisa ukuba bonke abaviwa bematriki, abazali nootitshala banolwazi ngezi ncwadana kunye noncedo ezilunikayo.
5. Kuya kuthakazelelwa kakhulu ukuba zonke izikolo eziziisekondari zinganika iSebe leMfundo ingxelo ngokuqhubekayo malunga ne-Study Mate ngokuzalisa le khweshine iqhotyoshelweyo zize ziphinde ziyibuyise.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:09:12

Questionnaire  (ubukhulu: 19 KB)