1. I-South African Society for History Teaching (SASHT) iza kubamba inkomfa yonyaka yayo eKapa kulo nyaka. Le nkomfa ibaluluke kakhulu njengoko iyinkomfa yokukhumbula iminyaka eyi-350 yokuqalwa kwemfundo efumaneka esikolweni (formal schooling) eMzantsi Afrika. Isithethi esiphambili uNksk Jacqui Dean, ngohlonitshwa kakhulu kwimfundo yezembali e-United Kingdom. UNksk Dean ukwathatha inxaxheba kwiprogram yokufundisa ezembali eMzantsi Afrika kwaye ke ngoko unolwazi ngeemfuno zokufundiswa kweeNkcazo zeKharityhulam kaZwelonke ze-Social Sciences ne-History.
2. Njengoko iSASHT ijolise kwizinto ezintsha eziqhubekayo ekufundiseni ezembali, kuya kuzuzwa lukhulu kule nkomfa ngabacebisi ngezekharityhulam nangootitshala be-History. Kwakhona ikwalithuba lokunxibelelana nabacebisi ngezekharityhulam nootitshala bamanye amaphondo.
3. Kuqhotyoshelwe apha iinkcukacha ngale nkomfa. Ukuba nabani na unomdla wokuza kule nkomfa, kucelwa azalise le fom iqhotyoshelweyo yokwenza isicelo aze ayingenise ngqo kumququzeleli wenkomfa uProf. Rob Siebörger oseYunivesithi yaseKapa.
4. Kucelwa wazise okukule ngcaciso imfutshane ii-HODs neeNtloko zeSifundo se-History nabo bonke ootitshala be-History ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:09:08

Conference brochure  (ubukhulu: 61 KB)