1. Okuqhotyoshelwe apha njengesiHlomelo A yishedyuli oyithunyelelwayo yoviwo lwepraktikhali lweZifundo zoMdaniso nokumodareyitha kwalo okuqhubekela esikolweni.
2. Izikolo maziqinisekise ukuba ziyalungiswa izinto ezisetyenziswa kumdaniso (dance facilities) nokuba abafundi banxibe ngokufanelekileyo isinxibo somdaniso njengoko kufuneka njalo kwifom yomdaniso. Kuye kwanikwa uluhlu lokutshekisha iimfuno zoviwo kwisiHlomelo B.
3. Iiphothifoliyo zabaviwa neePAT kufuneka zifumaneka ukulungiselela inkqubo yokumodareyitha.
4. Iiphothifoliyo zootitshala neetotali zamanqaku epraktikhali onyaka mazifumaneke ukulungiselela ukumodareyitha okuqhubekela esikolweni.
5. Ukumodareyithwa kokugqibela kweephothifoliyo zezikolo eziliqela (final cluster moderation of portfolios) kuya kwenziwa ngoLwesihlanu we-10 Oktobha 2008 ukususela ngo-13:00 ukuya kwi-17:00 e-Wynberg Girls' High School.
6. Uyacelwa ukuba wazise utitshala woMdaniso weBakala 12, kwakunye nabafundi abakweli bakala.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:08:27

isiHlomelo A: "Schedule"  (ubukhulu: 15 KB)
isiHlomelo B: "Checklist of requirements"  (ubukhulu: 20 KB)