1. IBass Entertainment (Pty) Ltd isindleka umboniso ongamakhondo omsebenzi, obizwa ngokuba yi-My-Career-Choice Exhibition 2008, oya kuba seCape Town International Convention Centre nge-9 nange-10 Oktobha 2008.
2. Kulo mboniso, amaziko emfundo aseNtshona Koloni, oosomashishini namasebe karhulumente achaphazelekayo aya kubakho ukuza kunika ingcaciso kubafundi ngamathuba akhoyo kumakhondo ngamakhondo omsebenzi.
3. Lo mboniso ujoliswe kubafundi abakumaBakala 8 - 12 yaye ugxile kumakhondo abalulekileyo nanika umdla, kukhetho lwezifundo, kwiinkqubo zokuqhelaniswa nomsebenzi (learnerships), ukuxhaswa ngemali yokufunda (funding) nokugaya abafundi
4. Izikolo ziyakhunjuzwa ukuba ukuya kwesi siganeko ngethuba leeyure zesikolo kufuneka zifumane imvume yomlawuli wesithili nokuba isikolo siya kuzihlawulela iindleko zokuya apho.
5. Ukufumana ingcaciso engaphezulu ngesi siganeko, nokubhukishela ukutyelela umboniso njengeqela lesikolo (school group) kucelwa uqhagamshelane noMnu Shaun Sishuba kule nombolo yeselula 078 113 3102 okanye umthumelele ifeksi kule nombolo 086 666 9847.
6. Kucelwa iinqununu zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala besifundo soLwazi ngezoBomi.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:08:27