1. NgoJanuwari 2008, iSebe leMfundo likazwelonke lahambisa iikopi zesikhokelo sikatitshala nencwadi yemisebenzi yabafundi yesifundo soLwazi ngezoBomi zeBakala 11 ezibhalwe ngesiNgesi kuphela kuzo zonke izikolo eziphakamileyo kwiPhondo laseNtshona Koloni.
2. Ezi ncwadi zinika inani lezicwangciso zezifundo nemisebenzi efanelekileyo kwisilabhasi enxulumene nesifundo soLwazi ngezoBomi yeBakala 11.
3. Ezi ncwadi zibonelelwa njengezincedisi zokufunda ezongezelelweyo, njengoko isifundo soLwazi ngezoBomi isisifundo esitsha kwicandelo le-FET. Ezi ncwadi zimele ukusetyenziswa kunye nezinye izincedisi zokufunda, kwaye azizoncwadi zezifundo ezinyanzelekileyo (are not compulsory textbooks).
4. ISebe leMfundo leNtshona Koloni sele liziguqulele ngoku ezi ncwadi kwi-Afrikansi. Zonke izikolo eziphakamileyo ezikwiphondo ziya kufumana ikopi ye-Afrikansi enye yesikhokelo sikatitshala nencwadi yemisebenzi yabafundi enye.
5. Ezi ncwadi ziya kuposelwa kuzo zonke izikolo eziphakamileyo ukususela nge-1 Septemba 2008 ukuya phambili.
6. Ziyacelwa iinqununu ukuba zazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke ootitshala beBakala 11 besifundo soLwazi ngezoBomi ukuze bakuthathele ingqalelo.


ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:08:20