INGCACISO EMFUTSHANE YECANDELO LEKHARITYHULAM YE-FET 0030/2008 |
IYA: | KUBALAWULI ABAZIINTLOKO, KUBALAWULI (KWANDLUNKULU NAKWII-OFISI ZEZITHILI ZEMFUNDO), KUBAPHATHI BEEKOMITI ZEESEKETHE, KWIINQUNUNU ZEZIKOLO EZIPHAKAMILEYO NAKWIIKHOLEJI ZE-FET, NAKOOSIHLALO BEZIKOLO EZIPHAKAMILEYO NAKUMABHUNGA OLAWULO EEKHOLEJI ZE-FET |
| ISIMEMO ESIBHEKISWA KWIINTLOKO ZAMACANDELO EZIFUNDO NEENTLOKO ZEZIFUNDO SOKUYA KWIKHOSI YEZOLAWULO NOBUNKOKELI EZA KUBASE-CAPE TEACHING AND LEADERSHIP INSTITUTE |
1. |
ISebe leMfundo leNtshona Koloni liya kube lisenza uqeqesho kwiintloko zamacandelo ezifundo nakwiintloko zezifundo ezingama-50 ezivela kwizikolo eziphakamileyo ukuze zibe nokuphucula izakhono zazo zezolawulo nobunkokeli.
|
2. |
Ikhosi yeentsuku ezi-5 iya kuqhutywa kabini eCape Teaching and Leadership Institute eKuils River.
|
3. |
Ikhosi yokuqala iya kuba ngethuba leholide yezikolo kaSeptemba, ukuqalela ngoMvulo we-29 Septemba 2008 ukuya kutsho ngoLwesihlanu we-3 Oktobha 2008.
|
4. |
Ikhosi yesibini iya kuqhubeka ukuqalela kuMvulo we-5 Januwari 2009 ukuya kutsho kuLwesihlanu we-9 Januwari 2009.
|
5. |
Ikhosi nganye iya kwamkela abathathi-nxaxheba abayi-50 kuphela kwaye kuya kujongwa kuqala izikolo ezibhalise ubuncinane abantu aba-4 - 5 kule khosi.
|
6. |
Iikhosi ezongeziweyo zicwangciselwe ekuyeni ekupheleni kuka-2009.
|
7. |
Le khosi ijolise ekukhuthazeni abathathi-nxaxheba ukuba
- baphuhlise ulwazi lomsebenzi wentloko yesifundo;
- baqaphele iziphumo zemeko eguqu-guqukayo ekufuneka basebenze kuyo;
- baphuhlise izakhono zokusebenza njengeqela yaye bakhe bajongisise indlela yobukhokeli babo abayisebenzisayo (preferred leadership style);
- bandise ubuchule babo bokusebenza njengabacwangcisi nabaphathi;
- baqaphele indima yabo njengabaphononongi (appraisers), abaphuculi (developers), abalawuli, abakhuthazi, abaphathi bekharityhulam, njl. njl.;
- bandise ulwazi lwabo ngokwabelana ngolwazi, iimbono namava noogxa babo; yaye
- baqulunqe kwaye bacingisise ngezicwangciso zophuhliso lwabo buqu nezomsebenzi abawuqeqeshelweyo.
|
9. |
Izicelo mazithunyelwe kuMlawuli weCandelo loPhuhliso lweKharityhulam ye-FET (Director: Curriculum FET), kule nombolo yefeksi 021 467 2620, ungadlulanga owe-30 Agasti 2008.
|
10. |
Uyacelwa ukuba wazise okubhalwe kule ngcaciso imfutshane bonke abachaphazelekayo.
|
ISAYINWE: NGU-SM NAICKER
INTLOKO: YESEBE LEMFUNDO
UMHLA: 2008:08:13
Grand Central Towers, Lower Parliament Street, Private Bag X9114, Cape Town 8000 Nceda ubhale iimombolo zesalathisa kuyo yonke imbalelwano Safe Schools: 0800 45 46 47 CLIENT CALL CENTRE: 0861 92 33 22
|